Oogqirha baseCuba bazokuhlangula iMpuma Koloni ebugxwayibeni

INGQONYELA yesibhedlele iSt Patricks eMbizana uNombuyiselo Mngweba uthi ukufumana oogqirha abathathu abasuka eCuba kuza kusindisa imiphefumlo eliqela kule ndawo.

UMngweba ebethetha eMonti kule veki kumsitho wokwamkela oogqirha baseCuba obuququzelelwe lisebe lezempilo eMpuma Koloni. Bebonke abagqirha balishumi, nangona besibhozo asele befikile.

Abagqirha bayinxalenye yesivumelwano esiphakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseCuba. Phantsi kwesi sivumelwano, abafundi beli baye bafumane ithuba lokuya kufundela ubugqirha eCuba logama oogqirha baseCuba baye bathunyelwe kweli.

Yiminyaka engamashumi amabini iqhuba le nkqubo kwaye sithetha nje bangamashumi amane anesibini abafundi baseMpuma Koloni abakuqeqesho lobugqirha eCuba.

UMngweba uthi ngenxa yokunqongophala kweengcali zoogqirha kwisibhedlele sabo, kuye kunyanzeleke ukuba bathumele izigulane eMthatha kuhambo oluthabatha iiyure ezintathu.

“Ukufumana kwethu oogqirha abathathu kuza kwenza ukuba umsebenzi ubelula kakhulu, futhi siza kutsho siyeke ukuthumela izigulane eMthatha kuba ziingcali abagqirha sibafumeneyo. Imiphefumlo emininzi izakusinda kuba ziingcali ezi.

“Isibhedlele sethu sixakeke kakhulu, kuba sijongene neekliniki ezingamashumi amabini anesibini ezithumela izigulane kuthi. Ezona ngxaki sinazo sisifo sephepha, ugawulayo, amakhosikazi asweleka xa ezobeleka kwanesifo sotyatyazo kwiintsana,” utshilo uMngweba.

UMphathiswa wezempilo eMpuma Koloni uGqirha Pumza Dyantyi uthi abagqirha bakwayinxalenye yokuqinisekisa ukuba inkqubo yonyango olukwiqondo eliphezulu (National Health Insurance [NHI]) iyamiliselwa nanjengoko isithili sase-OR Tambo naseAlfred Nzo izindawo ezichongelwe ukumilisela iNHI.

UDyantyi uthi abagqirha ziingcali ekukhuseleni izifo phaya emakhaya khon’ ukuze ubani angabisathunyelwa esibhedlele. “Ndiyalazi uhlobo loqeqesho laseCuba kuba nam ndaphumelela uqeqesho lobugqirha eCuba ngo1987, ngoko ke ndithetha ngento endiyaziyo,” utshilo uDyantyi.

Ugqirha waseCuba uYamilet Torres Gonzalez, ozakusebenza eSt Patricks, uthi uwulungele lo mceli-mngeni. “Eyona nto indikhuthazayo yile yokuba ndiza kusebenza ezilalini,” utshilo uGonzalez, ingcali kwimiba yezifo zamakhosikazi.

Kwabagqirha, isithathu siyokusebenza eSt Patricks, abathathu baya eSt Elizabeth eLusikisiki, ababini baya eNelson Mandela Academic eMthatha, omnye uya eMthatha General logama omnye esiya eLivingstone eBhayi.