Bangapha kwamakhulu amabini ooGqirha abasebatsha abangungelene phambi kweOfisi yeNkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni kusasa ngoLwesibini, ngethuba beyokusabela kwimpendulo malunga noxwebhu lwezikhalazo zabo, ipetishini ngamanye, ebebezigqithise ngoMvulo kule veki nalapho olu xwebhu luqulathe okuninzi okudla izithende, nangakumbi ukungade baqashwe isigxina.
Aba Gqirha badele imvula baphuma ngobuninzi babo kuba beyokunyanzelisa uRhulumente wePhondo ukuba abaqeshe isigxina njengoko sele begqibile iminyaka yabo emihlanu ukuya kwemithandathu kwaye ngaphezulu benza nonyaka omnye wokuqheliswa (community service) kwizibhedlele ezohlukeneyo zaseMpuma Koloni.
Batsho ngazwi aba Gqirha besithi imbi eyokuba ukuze baqashwe kufuneka beqale ngokuqhankqalaza kodwa kukhalwa ngooGqirha abanqongopheleyo kwizibhedlele zaseMpuma Koloni.
Omnye wooGqirha esithethe naye, uChuma Malangeni, nowenze izifundo zakhe zobuGqirha ePitoli, owakhe unyaka omnye wokuqheliswa uwenze ngo2024 kwisibhedlele iGlen Grey eLady Frere. Uthi xa begqibe lo nyaka wokuqheliswa ngokommo, bekufanele ukuba baqashwa isigxina.
UMalangeni uthi abantu balinde bona ezibhedlele belibele kukungaqashwa nguRhulumente. Uthi baza kuyeka ukuqhankqalaza xa bethe bahoywa kwaye banikwa usuku kwanomhla wokuqala emisebenzini.
Omnye uGqirha, uAsemahle Siswana, owenze izifundo zokuba nguGqirha wamazinyo eKapa – nowenze owakhe unyaka omnye wokuqheliswa eMpumalanga – uthe ukungade aqashwe kwakhe akuchaphazeli yena kuphela kuchaphazela usapho lwakhe lonke, kuquka umakhulu kwakunye nomama wakhe.
USiswana ugqibe ngo2023, owakhe unyaka u2024 ebemhleli wonke ekhaya. Uthi oku kumphatha kabuhlungu kakhulu kuba ufundiswe ngumama wakhe nzima kwaye ingesosidanga sokuqala esi, sisidanga sesibini.
Omnye kwaba Gqirha, nongumfana othethe neSolezwe bucala nocele ukungachazwa esoyika ukuba lixhoba lokungcungcuthekiswa, uthe wayekuluhlu olabizwayo kunyaka ophelileyo eCecilia Makiwane kudliwanondlebe, kodwa nanamhlanje abakaqashwa bonke kwathiwa akukho mali.
Uxwebhu lwabo lwezikhalazo balunikezele uNtloko waBasebenzi (Chief Of Staff) ngoMvulo nothembise ngokubuyela kubo njengoko uMabuyane ebebehambele kuye ebengekho.
NgoLwesibini I’solezwe lesiXhosa limke kwaba Gqirha ingekafiki impendulo ebilindelwe ngooGqirha.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!