OoKhetshe balumkisa ngoonqevu abazenza amagqirha

IBUTHO lamapolisa kweli elibizwa ngokuba ngooKhetshe liphanda iziganeko zabasetyhini abatyelwe imali yabo ngabarhwaphilizi abazenza amagqirha.

Ukuza kuthi ga ngoku asixhenxe amaxhoba asele emangele emapoliseni ephuma kwiidolophu iDutywa, eGcuwa, eMonti naseMdantsane.

Ingxelo ekhutshwe leli butho ichaza ngelithi, la magqirha obuxoki aqhatha amaxhoba ngelithi mawalahle imsebenzi athathe imali yomhlalaphantsi, ayinike la magqirha nathembisa ngokuyenza ikhule ngokuphindaphindaneyo.

Le ngxelo ikwabika ukuba amaxhoba ibingabasebenzi bakarhulumente nathathe umhlalaphantsi afumana imali ayigalele kwaba nqevu becinga ukuba izakukhula ngokwezithembiso abazinikiweyo. Othethela ooKhetshe eMpuma Koloni uAnelisa Feni uthe, “Amaxhoba ngabasetyhini abakwiminyaka eyi 45 nangaphezulu, nalahlekiswe ngala magqirha omgunyathi ukuba bashiye imisebenzi ukuze izinyanya zikhulise imali yabo ngokuphindaphindeneyo,” utshilo uFeni.

Ukwathe, indlela abasebenza ngayo aba nqevu iyafana kuwo onke amaxhoba. “Owasetyhini udibana nendoda engathi ifuna ukuthandana naye, kuthi xa sebethandana idize ukuba iligqirha elingamnceda ukusombulula iingxaki zakhe zemali okanye angamdibanisa negqirha limenzele olo ncedo.

Emva koko ixhoba liyayalelwa ukuba lenze izinto ezithile ezifana nokuthetha nezinyanya emangcwabeni okanye kwizindlu ezimnyama, nekukho umkhusane kuzo. Kulapho ixhoba liyalelwa khona ngumntu ozenza isinyanya ukuba lishiye umsebenzi, kuthi xa seyiphumile imali yomhlalaphantsi anike eli gqirha.”

Ukwathe, la magqirha anomyalelo wokuba lowo ushiya umsebenzi makangaxeleli mntu ngoko, ukuba wenze njalo, le mali ayizukwanda.

UFeni uqhube wathi, “Igqirha liye lifike nesiqhuma semali liyalele ixhoba ukuba lingayivuli de kudlule iintsuku ezithile, kuthi kusakufika ixesha lokuyivula afike kugcwele amaphepha.”

Ookhetshe bathi ngaphandle kwamatyala asixhenxe abawaphandayo bafumene uqhakamshelwano kubantu abarhanela iziganeko ezifana nezi.

Ukuzakuthi ga ngoku mabini amaxhoba abanjiweyo, ooKhetshe bacela nabani na onokuba luncedo atsalele umnxeba kwezi nombolo eMonti, 043 709 0540,

Kwimimandla ekwindawo eyayifudula iyiTranskei 047 502 5900, eBhayi 041 408 2611.