Umama wowayekade engenele uMiss SA uChidimma Adetshina angajongana nengalo yomthetho ngenxa yobusela besazisi. NgoLwesibini, ikomiti yeMicimbi yezeKhaya ePalamente ixelelwe ukuba iiHawks ngoku zibandakanyeka kuphando.
Imvelaphi yalo mba
Ubuzwe buka-Adetshina bagqama xa wayengenela ukhuphiswano loonobuhle, uMiss SA kwaye uluntu lwathi makakhutshwe kolu khuphiswano kuba lusithi “akangommi waseMzantsi Afrika.” Ubumi bakhe boMzantsi Afrika bebuphantsi kweengxoxo ezishushu, ezahlukanisa abantu – nangona kutyholwa ngelithi wazalelwa eSoweto, eMzantsi Afrika.
NgoMvulo, umhla wesihlanu kweyeThupha 2024, abaququzeleli bakaMiss SA bathumela iSebe leMicimbi yezeKhaya isicelo sokuba liqinisekise ubumi yale ntwazana yakwa-Adetshina.
Ekufumaneni esi sicelo, iSebe lithi lizamile ukugrumba amaxwebhu ka-Adetshina nomama wakhe. Lithi igqiza labaphandi kunye namagosa eenkonzo zoluntu liye lasekwa ukuba liphande ngokubhaliswa kokuzalwa kukamama kunye nentombi yakhe.
Inkqubela phambili ukuza kuthi ga ngoku
INtloko yecandelo lokulwa nobuqhophololo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya, uAdvocate Constance Moitse, ungqinile ukuba uphando lukwinqanaba eliphambili.
“Uphando lweSebe lukwinqanaba eliphambili, kwaye sikwaphonononga eminye imiba ebalulekileyo ukuqinisekisa ukuqukunjelwa ngokufanelekileyo nangokuchanekileyo kweli tyala,” utshilo uMoitse.
UMoitse ukwakhankanye ukuba isicwangciso seSebe sokwenza inkqubo yalo ibe ngeyedijithali siza kuphelisa iimeko zobuqhophololo. Kwaye iSebe lifumana iingcebiso zomthetho malunga neziphumo zesityholo sobuqhophololo kubumi buka-Adetshina.
UMoitse uthi iSebe linike umama ka-Adetshina ileta yePromotion of Administrative Justice Act kwaye impendulo yakhe kule leta iya kuqinisekisa isigqibo sokugqibela eliza kuthatyathwa liSebe ngokunxulumene nesazisi asiphetheyo ngoku.
ISebe lifumanise ukuba inkosikazi eyabelwa isazisi yabhaliswa ngumama wayo ngo1982 kwaye ngenxa yoko yangena kuluhlu lwabemi beli, iNational Population Register.
Ukuzalwa kwale nkosikazi yabhaliswa eTshwane kwaye ngo1995 yafaka isicelo sesazisi. Emva kweenyanga ezintathu efake isicelo sesazisi, wabuyela kwiofisi yesebe lezekhaya ukuya kuthatha isazisi. Uthe xa etyelela kwakhona, wafumanisa ukuba isazisi sakhe sikhutshwe eGoli kwiofisi angakhange afake kuyo isicelo, ngokwengxelo yeSebe.
Ingxelo iqhuba ithi emva koko wabeleka ngo2001. Uthe xa esiya kubhalisa umntwana wakhe kwiofisi yesebe lezekhaya, wafumanisa ukuba kukho umntwana obhaliswe phantsi kwenombolo yakhe yesazisi. Umntwana owayebhalisiwe nguChidimma Vanessa Onwe Adetshina.
ISebe lithi lichonge amagosa amathathu athe abhalisa lo mntwana kwiofisi yesebe lezekhaya eGoli. Omnye wamagosa wasweleka.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV