OoMajodina mabohlukane neempahla zootitshala

Mhleli, lisikizi into ethe yathethwa nguMphathiswa wezemidlalo, ezolonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni, uPemmy Majodina, kwibali lenu elisisihloko: “UMajodina ukhalimela ootitshala abanxiba iiLeggings” (02 – 08 eyoKwindla 2017).

Izolo oku, oogxa bakaMajodina eburhulumenteni, uNomvula Mokonyane, Lulu Xingwana, no-Angie Motshekga – baqhankqalaza kwizitalato zaseRhawutini ngenxa yempatho gadalala eyayi bhekiswe kowaye nxibe ilokhwe emfutshane (mini-skirt).

Intetho kamphathiswa uMajodina iphembelela into yoluntu oluhlala lugadene, futhi lungcungcuthekisana nabasetyhini. Ikwaphinde iqhubekekise indlela yokwenza izinto ngokulungiselela amadoda odwa, kudodobaliswa oomama. Le ntetho ikwaphembelela ucalu-calulo ngokwesini.

Lo kaMajodina bekumele ungoyena umela, futhi anyusele phezulu abantu basetyhini kuzo zonke iinkalo, ngokuba kwilixa elidlulileyo igalelo lamanina kwezemidlalo ibiyi nto engathathelwa ntweni, etyatyekwa ngezenyeliso, kodwa namhlanje yena udlala indima ephambili.

Le ntetho kamphathiswa ibuyisela emva amaphulo afana neSlut Walk, akhankasela ukuba inkangeleko yabantu basetyhini ayiniki mntu gunya lokuba azenzele unothanda kubo.

Ubungozi bale ntetho bunga khokelisela ekubeni abafundi abanga makhwenkwe babajonge gwenxa ootishalakazi kuba beve umphathiswa ebagxeka.

Isinxibo sootishalakazi ngendlela abafuna ngayo sifundisa abantwana abanga mantombazana ukuba bawamkele umzimba wabo, bangabi nazintloni futhi bazingce ngawo, ngokunxiba oko bakuthandayo.

Esi sinxibo sikwaphinde sibonise abafundi abangamakhwenkwe ukuba isinxibo somntu obhinqileyo asina nto yokwenza nendlela ekumele umphathe ngayo, ukubaluleka komntu ngobuyena hayi ngesinxibo, nanje ngokuba kumele babahloniphe ootitshalakazi nokuba banxibe njani.

Umphathiswa makayamkele into yokuba abantwana abafundiswa zileggings noo stomach-out, kodwa ngootishala abaqeqeshwe iminyaka. Indlela abantu basetyhini abajongwa ngayo kumele iphuhle, futhi abo babekwe ezikhundleni zokulawula kumele bakhokele ngomzekelo. Mzekelo lowo okhokelela ekuphathweni ngokulingana kwabase tyhini namadoda njengokuba imigaqo-nkqubo yombutho wakhe iANC kunye neye lizwe isitsho.

—–Isuka ku Qhinebe Pongoma, eMdantsane.