Oomama bachitha ixesha etywaleni ngenxa yomvandedwa

Amakhosikazi eelali zaseMonti achitha ixesha ezindywaleni kuba eswele into yokwenza, nto leyo ebangela ukuba babhuqwe ngumvandedwa.

Bakudize oku ngethuba iKomishini yaMalungelo oLuntu, iKomishini kaMakulinganwe ngokweSini, umbutho wabahlolokazi iPowerhouse Development Services (PHDS) kwakunye nomasipala ombaxa iBuffalo City, bathe babamba imbizo kule lali ngeenjongo zokubacacisela ngamalungelo abo.

Kule mbizo, abahlali belali yakuZozo eKwelerha, kude kufuphi naseMonti, badize ukuba kumnyama thsu kubo ngokolwazi malunga namalungelo abo. Bathi ezinye zezinto ezininzi zenzekela ezidolophini, bona basezilalini bayaphoswa lulwazi.

Uninzi lwamanina kule ndawo ludize ukuba bangamaxhoba okuxhatshazwa ngabayeni babo, bengazi ukuba mabenze njani. Bathi abayeni babo babuya bababethe xa bebuya etywaleni kuba banomvandedwa wokungasebenzi elona xesha balichithela ezikroxweni.

Bakwathi nabanye boomama nabo bachitha ixesha ngokusela utywala. Kwakule lali bakwakhale ngokubulawa kwabantu abadala abangamaxhegwazana kuba berhaneleka ngoku thakatha.

OweKomishini yaMalungelo oLuntu eMonti, uMaphelo France ukukhalimele oko esithi: “Ubani akanalo ilungelo lokubulala umntu omdala kuba emtyhola ngokuthakatha. Akukho mntu umele ukunyhashwa ilungelo lakhe lokuphila, lokuhlala nelenkolo.”

Ukanti uNontle Bonny Mzimba ongumhlolokazi, nongumsunguli wombutho iPHDS, ushiye evuselele ithemba kubahlolokazi bala mmandla, esithi abantu abangoomama ngabantu bamandla.

Ebakhuthaza, esithi ngokushiywa ngamadoda bakugqiba baxhaphazeke ngabantu bomzi makungabenzi baphele amandla okanye bazidele.

“Luninzi uxanduva oye ugagane nalo xa uthe wabhujelwa ngumyeni, uqala ngokuba ngumrhanelwa wokuqala ekubulaleni indoda yakho kuba ufuna ilifa. Sukusonga izandla, vuka mama uzenzele ungafi ngokufelwa kuba unoxanduva lokuba ngumama notata.”

Kutsha nje kwilali yakuNokhala kwaseKwelerha, kwadlwengulwa ze kwagetyengwa ixhewukazi elihlala lodwa, labhubha, ngethuba lilele emzini walo.