Oomama mabangatyi tyum ngokudlwengulwa

Ilitha Labantu enceda ukulwa neziganeko zokuxhatshazwa kwamanina nabantwana eGugulethu UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/ANA

KAPA:

Sisilonda esingasayi kuze siphole ukuba ulixhoba lodlwengulo. Oku kuvele kumama uNowezile Mtyhali* (59) ngethuba kukhalinyelwa iziganeko zodlwengulo ngumbutho ongekho phantsi kukarhulumente Ilitha Labantu.

Oku kulandela emva kokuba lo mbutho ubambe umngcelele usuka kwisikhululo samapolisa eSite B eKhayelitsha usingise kudederhu lweevenkile eSite C Plaza kwalapha eKhayelitsha ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyeDwarha.

“Thina siyi Ilitha labantu silapha ukuvakalisa ukungoneliseki kwethu ziziganeko zokudlwengulwa kwamanina neentsana zawo,” utshilo uSiyabulela Monkali isithethi seIlitha Labantu.

Uthi banephulo phantsi komxholo othi #OneTooManySA nalapho bavakalisa inkxalabo malunga nokudlwengulwa kwamanina. Esitsho kananjalo ukuba iKhayelitsha yenye yeelokishi ezinezinga elinyukileyo lempathombi ngakumanina neentsana. Lo mbutho ngethuba ubambe lo mngcelele uququzelele uluntu ngokubanzi ukuba lityikitye amagama nakaza kuthi adluliselwe kwabasemagunyeni ukulungiselela ukuba bakwazi ukuqwalasela ngakumbi iziganeko zodlwengulo.

Umama uMtyhali uzityande igila malunga nesiganeko sokudlwengulwa kwentombi yakhe ngethuba yayineshumi elinesine leminyaka ubudala kwingingqi yaseSite C ngonyaka ka2005.

“Umsindo endinawo, abantwana abadlwengula intombi yam babefihlwa ngoonina babo ngokungathi akukho nto igwenxa bayenzileyo, yaye ndinomsindo kakhulu kuba omnye wabo lo wabanjwayo ucela uxolo ngesenzo sakhe,” utshilo okaMtyhali.

Kungokunje uthi intombi yakhe yalinikela umva elaseKapa yaye ayifuni nokuwuthi cakatha owayo umcondo kweli leKapa.

Lo mama uthi into emxhela umphefumlo kukuva ngeziganeko zodlwengulo, ngelithi oko kumvisa kabuhlungu kuba akasayi kuze asilibale isiganeko sokudlwengulwa kwentombi yakhe iselula ngokweminyaka.

Kungokunje uthi amagosa asentolongweni kwinyanga ephelileyo afikile kwikhaya lakhe ezise umyalezo woxolo osuka kulowo wadlwengula intombi yakhe.

Uthi kungoku nje inkxalabo yakhe xa enokukhutshwa entolongweni woyikisela omnye umntwana wakhe oyintombazana oneshumi elinesine leminyaka ubudala, nadiza ukuba bahlala kwisitalato esinye nabo bafunyanwa benetyala lokudlwengula intombi yakhe, nathi omnye wabo sele wabhubha.

“Umnqweno wam urhulumente kubantwana abadlwengulayo ngase abanike isohlwayo kuba abantwana badlwengulwa bebancinane,” utshilo okaMtyhali, uthi into emenza umsindo umntwana wakhe wadlwengulwa amatyeli amabini.

UBhishop Zamuxolo Mfihlo, 43, webandla iApostolic Amen eGugulethu, uthi bengabefundisi bayalixhasa iphulo leIlitha Labantu elikhabanayo nokudlwengulwa kwabasetyhini. “Abantu abangomama mabangatyi tyum ngeziganeko zodlwengulo,” utshilo.