Oonogada bangenele uqhankqalazo

ABASEBENZI benkampani yokugada iXhanti Security Services batyhola inkampani yabo ngokungcikiva amalungelo abo.

Ababasebenzi bebebambe uqhankqalazo phambi kwee-ofisi zesebe lezemfundo eZwelitsha eQonce kule veki besithi “badiniwe” kukuphathwa gadalala ngabaphathi bale nkampani.

“Sasithe kumphathi wethu sifuna umvuzo osisigxina, kodwa lo nto ayizange ithathelwe ngqalelo. Into eyenzakayo kukuba sirholiswa ngeentsuku, ukuba uyagula usengxakini.

“Sikwafuna ukuhlawulelwa neentsuku zethu zekhefu kuba isebe lezemfundo liyayihlawula le mali kwinkampani. Sisebenza phantsi kweemeko ezimaxongo kuba asinazixhobo,” utshilo omnye wabasebenzi uThobani Klaas.

Lo kaKlaas ukwathi le nkampani “inesimbo” sokuxhwarhisa (standby) abantu abathile abangabaziyo xa iziholide okanye iimpelaveki ezithile.

UKlaas ukwatyhola le nkampani esithi ibasebenzisa ebusuku babe bengenazo nezikhanyisi (torch).

Ephendula koku, uAndile Mbane ongumlawuli kwaXhanti uthi aziyonyani ezi zikhalazo zabasebenzi. “Umvuzo wesigxina banawo yiR13.81 ngeyure. Izikhanyisi (torch) zikhona, futhi iintsuku zekhefu zizakuqala ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo,” utshilo uMbane.

Kodwa uKlaas uyazikhaba ezi ziphakamiso zikaMbane. “Singathini ukuthu asinazikhanyisi sibe sinazo? Jonga ngoku, umvuzo wethu wenyanga awukangeni kuba sirhola ngomhla weshumi elinesihlanu rhoqo ngenyanga,” utshilo uKlaas, esithi babuyele emsebenzini noxa nje besenezizikhalazo.