Oonontlalontle bazakuhamba kakuhle

Kukhutshwe iiveni eziphakamileyo ezilishumi elinesibhozo lisebe lophuhliso lwentlalo yoluntu ezizakusebenza kumaphandle ajongene nokuxhatshazwa kwanina kwakunye nabantwana ephondo leMpuma Koloni.

Umphathiswa weli sebe ephondweni uNancy Sihlwayi ebebeka thaca ngendlela ekuzakuthi kuqhutywe ngayo leli sebe koonondaba malunga nokongezwa koonoNtlalontle beli phondo, ekwanikezela nangeeveni (4×4) kwizithili zoomasipala beli phondo kumagumbi eli sebe izolo, nalapho athi basabele kwikhwelo lekumkani yamaXhosa uKumkani uZwelonke Sigcawu nowavakalisa ukuba iilali zisokola kakhulu ingakumbi xa kufuneka ooNontlalo betyelele kumakhaya anamaxhoba odlwengulo nabuleweyo kuba kungekho zimoto zifanele ukuhamba ngenxa yobubi bendlela.

“Asikwazanga ukungasabeli kuba eneneni siyayazi ooNontlalo bethu abafikeleli kuzo zonke ezi ndawo ingakumbi ezasezilalini, kuba nzima ukuba ancedakale ngokolulekwa ngokwasengqondweni amaxhoba ethu. Siyakholelwa ukuba zizakuthi zidlale indima ezi moto kuba zizakuncedisa nasekuthatheni oogogo abangakwazi kufikelela eklinikhi ibase. Kodwa kunjalo siyayiqonda ukuba zimbalwa ezi sizikhuphileyo kodwa akufani nocwaka zona izicwangciso zokwengeza sikwalungiselela nooNontlalontle abo bazakuthi baqashwe,” utshilo uSihlwayi

Ezinye zeendaba ezincumisayo kulindeleke ukuba eli sebe liqashe oonontlalontle abalikhulu kulo nyaka kwaye lithi lizakusebenzisana namasebe asoloko ebambisene nawo elezemfundo kwakunye nelezempilo.

Nangona kunjalo, eli sebe liyavuma ukuba ooNontlalontle baphela beyeka ukusebenza kwiindawo zasezilalini ngenxa yokungabikho kwezixhobo:

“Kungoko sizama ngako konke sisisa nezi Veni kwezi ndawo sifuna into ezakubanika ithemba bakwazi nokufikelela kwezo ndawo. Sikwayiqonda nokuba akwanelanga oku, kodwa sinazo nezinye zezicwangciso zokukhawulelana neemeko ezinje ,”lawo ngamazwi entsumpa yelisebe uStanley Khanyile

Umasipala iAmathole ifumene ezimbini, iBCM ezimbini, iJoe Gqabi ezimbini, iChris Hani ezimbini, iOR Tambo ezimbini, SarahB ezimbini ze iAlfred Nzo kwakunye ne OR Tambo zafumana ezintathu njengoko zineendawo ezininzi, kwaye ezinamaphandle ekubanzima mpela ukuhambeka.

Obambele njengesithili somasipala iChris Hani uNtshumayelo Gcelu uthe ezimoto zizakudlala indima enkulu kubo kuba bajongene neelali ezimandla kwaye ezinolwaphulo mthetho oluphezulu.

Kwezi zithuba zilikhulu zoNontlalontle kuzakufaka izicelo nakwabo sele bekwiNGOs kanti nabo basaphuma ezikolweni akuzukukhethwa abesele bekhona.