Oonoteksi bacinezela amalungelo ethu

Indaba yabantu abacela uncedo kwizithuthi ibangela ulunya olungakhokhelela kudushe ngenye imini ngoba oonoteksi abafuni nokumbona umntu ucela ukukhweliswa yimoto nje. Wofika bejingisa imixhadi phezu kwalo mqhubi ubezama ukunceda, kungekho nto bangamoyikisi ngayo ngokungathi bona abananyama nagazi. Le nto ixhaphakile kakhulu apha ezidolophini apha. Ingaba athini amalungelo wabakhweli kule mdawana ngoba ndicinga ukuba umnto ofuna ukuhamba ngetekisi uya erenkini, xa eme endleleni, lo nto ithetha ukuthi akafuni kuhamba ngasithuthi sikawonkewonke. Athini, kwaye aphelela phi amalungelo kule ngxubakaxaka?

Pali. Aliwal north

*Ezi zizimvo zabafundi bephepha, ayizozimvo zephephandaba. Ukuba nawe unqwenela ukupapashwa apha kweli khasi ungathumela izimvo zakho ngoWhatsapp ku 063 743 9538 okanye ngembalelwano yombane ku isibhalo@inl.co.za