OoNoteksi baseMpuma Koloni: ‘Xa kutshiswa iivenkile, siza kuthutha abantu abayaphi?’

OONOTEKSI baseMpuma Koloni bathi inyathelo labo lokukhusela amashishini ephondo ekutyhuthulweni, asiyonto abathe bayihlanganyela bekunye nabaphathi beevenkile okanye abasemagunyeni.

Endaweni yoko, oonoteksi bathi bathabathe eli nyathelo ukukhusela imidla yabo yezoshishino.

Ngenxa yenyathelo labo, amashishini aseMpuma Koloni asindile ekutyhuthulweni kwinto efana neyenzeke KwaZulu-Natal kwakunye naseRhawutini apho kushiyeke iivenkile zonakele ezinye zitshisiwe ze kwabhubha abantu abaninzi. Konke oku kukholeleka ukuba kuphenjelelwe yingqumbo ngokuvalelwa kobesakuba nguMongameli weli, uJacob Zuma.

Ngentseni yangoLwesibini kukhe kwazanywa ukwenziwa kwezidubedube eVincent Park Mall eMonti, kodwa ngenxa yoonoteksi, oko kukwazile ukunqandeka.

Ngorhatya lwangoLwesibini, iqela loonoteksi baseMpuma Koloni liqhubile nomsebenzi wokugada amashishini eli phondo ekutyhuthulweni ngabantu abebefuna ukulinganisa oko kwenzeke KwaZulu-Natal naseRhawutini.

Icandelo leeteksi laseMpuma Koloni likukhusele ukutyhuthulwa kwamashishini UMFANEKISO: Bongani Mbatha /African News Agency (ANA)

“Oogxa bethu baye balala kwezinye iivenkile begadile kuba siqaphele ukuba phaya eKZN naseRhawutini olu hlaselo lwenziwa ngobusuku. Bekukho iinzame zokutyhuthula amashishini aseMpuma Koloni ngobusuku futhi yonke le nto iphehlwa lulwaphulomthetho kuba aba bantu bajonga iivenkile ezithile ezithengisa ubucwebe (jewellery) kwanezo zoonomyayi,” utshilo uGabs Simphiwe Mtshala, usekela sihlalo weSANTACO.

Ngentseni yangoLwesithathu, uMtshala uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba amalungu wabo avukele ekuseni eyokugada amashishini asephondweni.

“Kodwa oko asinakuthatha njengengqiniseko egqibeleleyo yokuba ishishini lo mntu aluzukutyhuthulwa, kodwa kumashishini akufuphi neerenki zethu, akukho monakalo oyakuze wenzeke.”

“Bekukho iimoto ezibakhaphayo zokulayisha iimpahla ezityhuthulweyo. Bathe bakubona ukuba sigadile, babuya umva,” utshilo uMtshala.

UMtshala uthi bathe bakubona okwenzeka eKZN naseRhawutini, bacinga ngokulambatha kweshishini labo ngexesha lokuqala kweCovid-19.

Abantu betyhuthula iimpahla kwaDesai’s hardware KwaNdengezi ngasePinetown UMFANEKISO: Bongani Mbatha: African News Agency (ANA)

“Nyakenye saphulukana kakhulu noshishino ngenxa yalo bhubhane. Abanye oogxa bethu bathathelwa iiteksi kuba bengenamali [yokuhlawula izavenge]. Ngoku ke ngoku xa kutshiswa iivenkile, siza kuthutha abantu abayaphi? Ukuba besiyeke iivenkile zitshe, lo nto ibinokhokelela kudushe loonoteksi kuba iiteksi beziza kuphangelana ngemizila yabakhweli,” utshilo uMtshala.

“Enye into esiyithethayo kukuba abantu mabangasijongi njengabantu abangene kwimiba yezopolitiko. Asinamdla apho thina. Umdla wethu ukushishino lwethu. Asikhange sibenazo kwa iingxoxo kwakunye nabaphathi bezivenkile, kuquka noodederhu. Ewe phaya eMdantsane City, siye sanikwa isixhaso somphefumlo ngabaphathi.”

INkulubaphathiswa, uOscar Mabuyane, kwanoMphathiswa woKhuseleko loLuntu, uWeziwe Tikana, bawuqhwabele izandla lo msebenzi wabeeteksi.