Oonqevu badubule babulala amapolisa amahlanu eNgcobo

Inkonzo yesipolisa izilile emva kokudutyulwa kwamapolisa eNgcobo UMFANEKISO: ZIMKHITHA MANQINANA/FACEBOK

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uNjengele Khehla John Sitole ukukhalimele ukudutyulwa kubulawe amapolisa amahlanu kwisikhululo samapolisa eNgcobo ngentseni yangoLwesithathu. Iingxelo zithi oonqevu bangene kwesi sikhululo bengabhungisanga, bavulela ngeembumbulu bebulala amapolisa amathathu ngoko nangoko. Emva kweli sikizi abanqevu baxhwile amapolisa amabini bawafaka kwiveni yamapolisa baphela enyanyeni. Befaka evenini la mapolisa mabini, abanqevu bakwadubule babulala ijoni ebelingekho emsebenzini nebelikufuphi nendawo yexhwayelo.

Amapolisa amabini abexhwiliwe afunyenwe kumgama weekhilomitha ezintandathu ebhubhile. USitole uthe: “Ndisothukile futhi andiyikholelwa into yokubulawa koogxa bam ngale ndlela. Sele ndityumbe iqela labacuphi abanamava ukuphanda oku.”

Iziphathi-mandla zesipolisa kulindeleke ukuba zityelele indawo yexhwayelo ngale ntsasa.