Oosaziwayo kumabonakude bazakuthontelana eQunu ukuyakubhiyozela usuku lokuzalwa kutata uNelson Mandela kule mpelaveki.
Iqumrhu leSABC liyinxalenye nephulo elibanjwa jikelele lokukhumbula kwanokubhiyozela usuku lokuzalwa kukaMandela apho kuye kuchithwe imizuzu engamashumi amathandathu anesixhenxe kusenza umahluko kuluntu ingakumbi olo lungathatthi ntweni.
Eli qumrhu lizakube likwilali yaseQunu eMthatha ngomgqibelo esiya kuwo nelusuku lokuzalwa kukabawo uNelson Mandela umhla weshumi elinesibhozo.
Izokube ikokokuqala abahlali baseQunu bezakube bebona abadlali beqonga ababathandayo ubuso ngobuso nalapho bazakube bengungelene kwisikolo samabanga aphantsi iThandokazi PS bazakube bepeyinta isikolo besicoca.
Aba badlali beqonga balindelekileyo ngowaziwa kakhulu kumdlalo uMuvhango uKK, uMR Maputla kuSkeem Saam, uNikiwe we- Isidingo, uMimi Mahlasela ka 7de laan, kwakunye noLorna Maseko weTop Billing kwakunye nabanye baka- SABC2.
Nakwiphondo laseRhawutini lizakube liqhuba eli phulo nalapho eli qumrhu lizakube linikezela ngeepasele zokutya kumakhaya abantu abadala.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika