OoSodolophu bacela ukuxhaswa nguXasa

UMphathiswa uFikile Xasa ekunye noSodolophu uAthol Trollop eBhayi Umfanekiso: Sisonke Mlamla
Oosodolophu boomasipala baseMpuma Koloni, babambe umhlangano wonyaka noMphathiswa woBambiswano uRhulumento neMicimbi yeMveli uMnu Fikile Xasa ekunye nosodolophu wesixeko esimbaxa iNelson Mandela uAthol Trollip, eBhayi.
Aba sodolophu boomasipala bebexhalabile bephosa izikhalo zabo kuMphathiswa uXasa, bemcela angenelele.
 Omnye wosodolophu,  uMama uGubula womasipala iEnoch Mgijima ukhale ngelithi,  owakhe umasipala akanamali,  babhula besela,  akazi nokuba abasebenzi balo masipala bazakubhataleka njani kule veki izayo nge25, kwaye bashokoxelwe zizixhobo zokusebenza, ecela amalizo kulo kaXasa.
UNomakhosazana Meth, ongusodolophu weO. R. Tambo uphakame ngelithi, bacela ukwabelwa kumhlaba namahlathi aseOR Tambo, ekwabongoza koomasipala abangarhafiyo kurhulumente, bazame bakhuphe imali yomrhafo.
Kugqibezele uSodolophu waseMakana,  ekhalela ukungabikho kwamanzi kumasipala wabo, esithi kudala bejonge enkalweni bethenjiswa ngamanzi. 
Lo sodolophu uyibeke kwacaca ukuba amanzi bawakha kwidama elibizwa ngokuba yiChurch Hill, elityekezela koomasipala abaninzi kuquka umasipala waseNelson Mandela nowaseMakana, becela uMphathiswa asondele ngakumbi kwiimfuno zabo.
UMphathiswa uXasa uphakame ngelithi bazama ngandlela zonke ukubhala ezi zikhalazo ukuze babe nokukwazi  ukuzilandela, bafezekise izithembiso kuluntu.
“Zininzi izixholo-xholo ezenzeka kwaba masipala, ukungahambi kakuhle kweenkonzo zoomasipala, ezibangela isanxwe kubahlali, lo nto ifuna intsebenziswano, sincedisane singoomasipala, kungenziwa izinto ngobuqhophololo,’’ utshilo okaXasa.