‘Ootata bosulela iintsana ngezifo’

Ivalwe ngemiyalezo engqongqo izolo inyanga yokuthintelwa kokuxhatshazwa kwamanina nabantwana eNdevana eQonce ngumphathiswa uSusan Shabangu ekunye nomphathiswa wentlalontle kweli phondo uNancy Sihlwayi.

Ethetha nenginginya yabahlali ebizimase lo mcimbi izolo, uShabangu uxelele la manina ukuba kutheni lo mcimbi uziswe eNdevana. “Sizise lo mcimbi apha ngenxa yokuba le ndawo inengxaki yokudlwengula, ukukhuthuzwa, ukubethwa kwanokuthukwa kwamakhosikazi nabantwana,” utshilo uShabangu.

Ingxelo ye-ofisi ejongene nemicimbi yamanina ithi, ngabantwana abangamantombazana beli loMzantsi Afrika abakumawaka amabini abathi bosulelwe ngesifo ugawulayo.

“Aba bantwana ngamantombazana akwiminyaka elishumi elinesine ukuya kwishumi elinesithandathu, le nto yonke ithetha ukuba abantwana baqhathwa ngootata abadala bakugqiba babosulele ngesi sifo, kuba amakhwenkwe angoontanga babo abanaso esi sifo,” ucacise watsho uShabangu.

Eli phondo leMpuma Koloni ligagene nengxaki yokudlwengulwa kubulawe amakhosikazi nabantwana abangamantombazana kanye ngeli xesha lokuchasa ezi ziganeko.

Isiganeko sokudlwengulwa kubulawe abantwana abangamantombazana ababini bakwaKoli eNqadu sesona sihambe phambili ngeli xesha.