Ootata ngegama, hayi ngezenzo

Izolo ibilusuku lootata. Abanye bethu bavuke benzelwe iibrakfesi, abanye bavuswe ngezipho abanye bavuswe yiminxeba edlulisa imiyalezo yothando. Kubekho abo ke bavuke baqhubeka ngobomi ngokungathi abanabantwana.

Yiya nakweyiphi na ilokishini kweli loMzantsi Afrika uqwalasele oosisi abathe qhiwu abantwana abancinci, bebakhulisa bodwa. Ayiyonto yeelokishi kuphela ke le, kodwa sesisenza umzekelo ngazo kuba kulula ukuzibonela aba sisana noomakhulu abakhulisa abantwana bodwa pha.

Uzibuze ukuba ingaba baphi na ootata babantwana? Kusuke kuthini na xa indoda ishiya umntwana wayo? Yinto apha ekwenza uzibuze ngeenjongo zamadoda ngabasetyhini; kukulala nje ugqithe?

Kunzima ukukhulisa umntwana. Kuyaxabisa ukukhulisa umntwana. Bona abantwana xa bekhuliswa ngumzali omnye, sicinga ukuba bakhula beziva njani? Ngeentsuku ezifana neeFather’s Day inoba bona bathini abantwana abakhuliswe ngamanina odwa?

Sikhe sayokukroba kumakhasi omnatha afana nooTwitter nooFacebook safumanisa ukuba kuthiwa “Happy Father’s Day” koomama babantwana ngoba bona badlala nendima katata.

Kuye kwaxhaphaka nemiyalezo ephazamisayo esuka kubantu ngabantu; umzekelo uNtsiki Mazwai yena ubhale wenjenje ngosuku lootata “Dear tata, zange ndikukhethe ukuba ubengutata wam, kodwa ukuba ndandifumene ithuba lokuzikhethela utata ngendandikhethe utata obhetele kunawe!” lo myalezo ulandelwe zizimvo zabanye oosisi abamxhasayo ngelithi ngendandikhethe ongafaniyo nalo ndinaye utata.

Siyibhuda phi na le nto singootata? Xa singekho yingxaki. Xa sikhona yingxaki. Kuyintoni na ukuba ngutata? Ingaba isiqhelo sokuba oomama bagcina ikhaya bakhulise abantwana, ootata babe pha kude bephangela ayiyiyo na le isenza singazi ukuba ekatata indima yintoni kubomi bomntwana?