Isebe lezemfundo eMpuma Koloni liwuthathela ingqalelo umgangatho wemfundo ye-Early Chilhood Development. Oku likwenza ngokuqinisekisa ukuba ootitshala bakwaGrade R banazo iimpepha zomsebenzi abawenzayo.
Le nkqubo izakutsho iphuhlise kwaye inyuse izinga, umgangatho wenkqubo yokufundisa kwaGrade R, ingakumbi kwiindawo ezise- maphandleni kweli phondo apho sikhoyo ngamandla isidingo seenkqubo zokuphuhliswa kwemfundo yabantwana.
Bayi’1175 abafundi ababhalisele izifundo zeDiploma yokufundisa kwaGrade R ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, kumasebe emfundo angamashumi amabini atyalwe kwiphondo leMpuma Koloni jikelele.
Aba bafundi baquka abasekwinkqubo yoqeqesho kunye nabalawuli benkqubo ye-ECD. Isebe lezemfundo ephondweni lizakunikeza imali yokuxhasa aba bafundi, ixesha elingangelo lizakuthwathwa zizifundo zabo.
Le nto ithetha ukuba kuza- kuthathwa amaqela amathathu ohlukeneyo aba bafundi bafakwe kwiikqubo zoqeqesho, kwizikolo ezahlukeneyo kule minyaka izayo.
Uluhlu lokuqala labafundi lalibhaliswe ngo’2014, olwesibini lathathwa kwisiqingatha sesibini sonyaka ophelileyo. Into efunekayo ukuze umntu abe- ngutitshala kwaGrade R sisidanga seDiploma sokufundisa kwaGrade R, kuNQF Level 6.
Imfundo ye-ECD iqatshelwe njengeyona ibalulekileyo ukuqinisekisa impumelelo yomntu ngamnye kwimfundo yakhe. Ingakumbi abantwana abancinci abasuka kwiindawo ezihlelelekileyo, abangenamathuba okufikelela kwiinkqubo ze-ECD.
Iminyaka yokuqala yeyona ibalulekileyo kwinfundo yomntu, akwazi ukufumana ulwazi nezakhono ezimbalwa.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?