Ootitshala abadlwengula abafundi bababukelise namanyala

Ziyanda iziganeko zomkhwa ombi wootitshala nootitshalakazi abaxhaphaza abafundi babo ngaphakathi esikolweni ngezesondo.

Namhlanje, uLwesihlanu, babini ootitshala abavela kwiinkundla zamatyala ezohlukeneyo ngezenzo zokuxhaphaza abafundi ngesondo.

Ititshala enama26 eminyaka ubudala yesikolo iNtsizwa High eMaxesibeni (Mount Ayliff) ijongene nezityholo ezibini zokudlwengula emva kokuba ngenyanga kaCanzibe neyeSilimela 2022, yathi yalala nabafundi ababini ngaphandle kwemvume yabo. Aba bafundi benza uGrade12 baphakathi kweminyaka eyi18 neyi19 ubudala ngeminyaka.

Oku ebekwenza kwelinye lamagumbi esikolo phakathi kwezi nyanga zimbini.

Ingxelo yeNPA ithi ebeye abize ixhoba elinye ngexesha alivalele kweli gumbi, alidlwengule kwaye aligrogrise ekubeni lingachazi.

Bobabini abafundi ngokohlukana kwabo baxelela oogxa babo ngesi senzo sikatitshala wabo. Aba bafundi baxelela abazali babo ze abe uyabanjwa lo titshala. Abafundi kwafumaniseka ukuba bobabini bakhulelwe, bekhuleliswa ngutitshala.

Utitshala ubanjiwe ngomhla wama25 kwinyanga ephelileyo, ityala lakhe lamiselwa unamhlanje apho aza kufaka isicelo sebheyile.

Kusenjalo, utitshala onama35 eminyaka ubudala wesikolo samabanga aphantsi iMdingi S.P.S eLusikisiki, ujongene namatyala ayi15 okuxhaphaza abantwana abangamakhwenkwe abayi21 kwakunye nasithoba wokubukelisa abantwana amanyala kwikhompyutha.

UTyali uthi lo titshala lo mkhwa wakhe uwuqale ngeyeNkanga kunyaka ophelileyo ngokumane ebamba abantwana abangamakhwenkwe kumalungu angasese emagumbini esikolo.

Emva koko ebeye ababize abantwana kwigumbi lakhe lokulala ngelithi uza kubancedisa kumsebenzi wabo wesikolo okanye athi ufuna bamncedise kwimisebenzi yendlu.

Lo titshala kulapho ebeye ababukelise amanyala emva koko abayalele ukuba mabaziphulule ubukhwenkwe babo, kwaye anyanzelise ukuba babukele abanye ngoku baziphululayo.

Lo titshala utshatile unenkosikazi emva ekhaya. Kukwavakala ukuba ebeye aqokelele incindi leyo yamaxhoba ayigalele etotini nengaziwayo ukuba ebeyithatha ayise phi.

I-NPA ithi iza kusikhaba ngokwayo isicelo sebheyile kulo titshala. Eli tyala linikwe uAdv. Nkululeko Mzinyathi. Amanye amatyala kulindeleke avele namhlanje ukongezeka kula sele ekhona ngakutitshala