Ootitshala baseBhayi bagxeka isebe

BEKUSAKHALA ibhungane kumagumbi okufundela kwizikolo ezikwiilokishi ezikumantla esixeko saseBhayi izolo.

Oko kulandela uqhankqalazo lwabazali babantwana kulo mmandla bekhalazela ukunqongophala kootitshala. Kwintlanganiso ebingoLwesibini phakathi kweenqununu zezikolo, amaqumrhu alawula izikolo nomphathiswa wesebe lezemfundo eMpuma Koloni, uMandla Makupula, kuvunyelwene ukuba abafundi mababuyele ezikolweni namhlanje.

Ootitshala kwizikolo ezikulo mmandla bagxeke isebe lezemfundo ngokurhuqa izithende ekufezekiseni iimfuno zazo eziquka ukuvalwa kwezithuba zengqesho yootityshala, ukunikwa ingqesho esisigxina kootitshala abafundisa iintsana kuGrade R, ngaphambi ziqale imfundo eyiyo, ukulungiswa kwamagumbi okufundela kwakunye neeyadi zesikolo, ukuqeshwa koonogada, nokuhlawulwa kwabasebenzi kwezi zikolo.

Aba titshala bathe, olu qhankqalazo alunanto yakwenza nemfundo nje kuphela koko nentswela-ngqesho kubemi bale ndawo abadinga into yokwenza inegalelo kule ntshukumo. Noxa kunjalo bathi isebe malinyuse umbhinqo lihlangabezane neengxaki zezikolo kulo mmandla.

Inqununu yesikolo samabanga aphantsi iMissionvale, uSelwyn Raubenheimer uthe, “Kuthatha iminyaka phambi kokuba isebe lezemfundo lenze lo nto ifunwa zizikolo zethu. Ingxaki yezi zikolo kukuba ziku-Section 20, azinikwa mali sabelo, kufuneka ziyokhongozela kwisebe kuqala phambi kokuba zifumane imali yokwenza loo nto ifunekayo.”

Inqununu yesinye sezikolo esikwakulo mmandla, uCharles Adams, kwisikolo samabanga aphantsi iRepubliek Primary uthe ibifudula inguye yedwa ititshala ekwisikhundla esiphezulu kule minyaka idlulileyo.

Oka-Adams uthe, “Ndizokunyusela ootitshala abathathu kuvele izithuba zabanye ootitshala abathathu, kufuneka ibe lisebe eliza kupapasha ezi zithuba.” Omnye wootitshala kwakwesi sikolo uthe, bekungekho sekela-nqununu kwiminyaka emithathu edlulileyo, kungekho titshala uyiNtloko (HOD) kwiminyaka emine.

URaubenheimer uthe iminyaka ihambile bedinga abantu bokucoca isikolo kodwa ukuvalelwa kwabantwana akusosisombululo. “Singafundisa sibe sisilwa kwelinye icala, zininzi iindlela zokudlulisa umyalezo ungadanga watshisa amavili,” utshilo oka Raubenheimer.