Ootitshala baxhalabe kukunwenwa kweCovid-19

Ootitshala baxhalabile kukunwenwa kwekhorona ezikolweni

Ootitshala bezikolo zaseMpuma Koloni boyikisela ubomi babo nobabafundi kwintsholongwane yekhorona ethe gqolo ukwenyuka ngamanani wabosulelekayo nababhubhayo.

Ititshala esebenza kwisikolo esisedolophini eDutywa, ithi imeko iya ibambi nangakumbi. Kwisikolo samabanga aphezulu esikwidolophu yaseDutywa, utitshala ufunyaniswe enentsholongwane yekhorona.

“Xa siveza inkxalabo malunga noko abezempilo bathi asoze kuvavanywe wonke umntu. Amagosa ezempilo asibuze ukuba lo titshala ufundisa kweliphi igumbi, sabaxelela ukuba ufundisa amagumbi amathathu, emva koko bathi bakuvavanya kuphela abo baneempawu,” utshilo lo titshala.

ENduku Junior Secondary kuManzana eNgcobo kunyanzeleke ukuba isikolo sivale kule veki ngenxa yokonyuka kwenani labosuleleka yintsholongwane yekhorona. Ngaphambili ootitshala besi sikolo bakhe baveza ukuxhalaba kwabo ngokurhuqa iinyawo kwabasemagunyeni ekubekeni impilo yabafundi nootitshala phambili.

Imanyano yootitshala iSadtu ithabathe isigqibo kwindibano yayo isithi ifuna zivalwe izikolo, ngenxa yamanani axhomisayo weCovid-19 ezikolweni.

“Into esiyibonayo kukuba akukho kufunda nokufundisa okusemgangathweni okuqhubekayo phantsi kwezi meko. Le ntsholongwane ikhokelele kumbhodamo kwicandelo lezemfundo kwaye oku sikubeka ngqo emnyango kulawulo oluyekeyeke esilufumana kwiSebe leMfundo esiSiseko,” itshilo iSadtu.

Kule veki iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ubhengeze isicwangciso sikarhulumente wephondo sokuvula kwakhona uGrade 3, 6, 11 ngomhla wamashumi amabini kule nyanga (NgoMvulo).

UMabuyane uthi izixhobo zokuzikhusela (PPE) sele ziyile kwizikolo eziliqela, watsho esithi bawasile namatanki ze afakwa amanzi alungele ukuselwa. “Izikolo ezingakulungelanga ukuvula ngomhla wamashumi amabini kweyeKhala, azizukuvula,” utshilo uMabuyane.

Kwimbalelwano kule veki, uMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga uthi isikolo yinxalenye “yempilo yethu”. Kwizankxwe zemanyano yootitshala iSadtu ethi mazivalwe izikolo, uMotshekga uthi yikhabhinethi kuphela enokuthabatha eso sigqibo.

“Ngexesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni (Level 5 noLevel 4), abantwana abaninzi basezilalini nakwiindawo ezisemaphandleni, abakhange bakwazi ukufikelela kwiinkonzo zokufunda ngobuxhakaxhaka. Oku kuthe kwanyhasha ilungelo labo lwemfundo esisiseko,” utshilo uMotshekga.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za