Ootitshala nabantwana bachopha emabobosini eThompson!

Zikwimeko embi kakhulu izindlu zangasese zesikolo saseThompson Junior Secondary School imifanekiso: Pedro Mapelo

Inqununu yaseThompson Junior Secondary School, uMnu. Thando Bonani neetitshala zakhe, bavule isikolo ngoMvulo wale veki nezavalwa emva kokubhengezwa kwemo yonxunguphalo ngenxa yekhorona kwiinyanga eziphelileyo.

UBonani uzimisele ukuthatha apho babeyeke khona abantwana ezifundweni emva kokufika kwezinto zokuzikhusela kwikhorona, kodwa ukhathazwa yinto enye, ukungabikho kwezindlu zangasese.

Enye yezinto ezibalulekileyo empilweni yeetitshala nabantwana. I’solezwe lesiXhosa lizibonele amabobosi angabhodloka nanini na.

Imeko yezi zindlu zangasese imbi, imasiziki futhi azifanelanga ukusetyenziswa ngabantu.

Inqununu ithi isikolo sineminyaka sicela ukwakhelwa izindlu zangasese liSebe lezeMfundo, kodwa akukabikho mpendulo nangoku.

Ngenxa yemeko yazo, uBonani uthi iititshala azonwabi esikolweni kwaye bagqiba kwelokuba abantwana abancinane baye ezindongeni xa kufike ixesha lokuzikhulula.

Isikolo saseThompson sesinye sezikolo ezininzi ezisalinde ukwakhelwa izindlu zangasese ngurhulumente. Akukacaci okokuba uya kuze ugqitywe nini loo msebenzi lisebe elisoloko lithembisa kodwa kungenzeki.

“Sisengxakini enkulu apha kwicala lezindlu zangasese. Kudala sazifaka izicelo zokwakhelwa kwisebe lezeMfundo kodwa kude kube ngoku, akukabikho mpendulo. Ibenza nzima kakhulu ubomi bethu le nto. Abanye abantu abanaso isibindi sokusebenzisa eza zindlu zangasese. Ibaphatha kakubi kakhulu lo nto ootitshala. Abantwana bamabanga asezantsi ‘sibathobela esapha’ ngoba eza zindlu ziyingozi,” itshilo inqununu evalelise ngelithi isebe ingase liphakamise iinyawo kwizinto zezikolo zasezilalini.

Ngenxa yezinto ezifike kade, abantwana abakwazanga ukuvula isikolo ngoMvulo neetitshala zabo.

Isebe leZemfundo eMpuma Koloni aliyiphendulanga imibuzo ethunyelwe kulo leli pephandaba kwade kwafika ixesha lokupapasha ibali.

Noxa abantwana bengakwazanga ukuya esikolweni ngoMvulo, umhla wokuqala ngeli thuba lekhorona, inqununu ithe baza kuqalisa umsebenzi wokufundisa ngoLwesithathu (izolo) emva kwentlanganisi yabazali nabantwana