Ophumelele iLotto uyabongozwa ukuba eze ngaphambili azokulanda imali yakhe

Inkampani yongcakazo kweli i-Ithuba National Lottery ibongoza lowo uphumelele imali engaphaya kwekhulu elinesixhenxe lezigidi zeerandi (R107 million) ukuba eze ngaphambili azokubanga le mali. Amanani eLotto aqinisekise le mali ingaka abhengezwe kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.

Itikiti eliphumeleleyo lathengwa nge’app yebhanki yakwaFNB kwaye lo mntu ubheje ngeR90.

“Ophumeleleyo akakayibangi le mali ezakutshintsha ubomi bakhe kwaye i-Ithuba izimisele ukudibana nalo mntu unethamsanqa kangaka,” itshilo i-Ithuba National Lottery kwingxelo ngoLwesibini.

Bakhuthaze abantu abasebenzisa iiapps zebhanki ezifana neFNB ukuba bajonge amatikiti abo kwaye bajonge nasiphi na isaziso esivela kwibhanki yabo.

Umphathi weIthuba uCharmaine Mabuza uthe, “Sichulumancile ukubona ukuba le mpumelelo iza kubutshintsha njani ubomi bomntu, kodwa umntu onetikiti eliphumeleleyo akakazi ngaphambili. Sikhuthaza ophumeleleyo ukuba ajonge itikiti lakhe kwaye aphendule ngokukhawuleza.”

UMabuza uthe iiapps zebhanki zazisa abo baphumeleleyo ngeminxeba nangeSMS, kodwa kubalulekile ukuba abantu bahlale bephaphile kwaye banxibelelane ngokukhawuleza.

I-Ithuba ithe irhafu ayitsalwa kwimali ephunyelelweyo kwaye ihlawulwa kwiiyure ezingama72 emva kwebango.

Lo mntu uphumeleleyo uphumelele imali eyiR107 768 939 iyonke.