OPW ne-DMF: Kwenzeka ntoni namhlanje?

Kususela
oko badibana ngonyaka ka-2000, ukuzingisa nokuzimisela kukaThemba kwade kwampha
ithuba lokuba nesithandwa sakhe uAlice ngo-2001. Ezi zithandani zibini ziye zaphumela
ngaphaya kwentlungu yokuphulukana nomntwana wazo wokuqala, zaze zaqiniseka
eluthandweni lwazo. Ngale njikalanga sibabona bethabatha inyathelo elibheka
phambili ebomini,
 bezimanya ngeqhina
lomtshato phambi kwebandla labo njengabefundisi kulo.

Oku
sikubona kwi-Our Perfect Wedding ngokuhlwanje kwiMzansi Magic.

Ukanti
kwiDate My Family, sidibana noVenal Naidoo oneminyaka engama-21 ubudala.
Unemfundo enomsila kwezobuNtatheli kwaye uyayithanda nemidlalo. UVenal ukhangela
inenekazi elizimeleyo ebomini naza kuchitha ubomi bakhe nalo. Konke oku
sikubona ngale njikalanga kwiMzansi Magic (Channel 161
.