Ewe, umntu uthath’ emntwini! Leyo yindlela ecacileyo esinokulibalisa ngayo ibali lothando phakathi kukaMandisa noSkhumbuzo.
Esi sibini sadibana ngethuba uSikhumbuzo enceda uMandisa ngokumkhwelisa esithuthini sakhe esiya edolophini. Bobabini, uSkhumbuzo noMandisa ngelo xesha babenamaqabane abo, kodwa lo nto zange ibathintele ukuba bakhe ubudlelwane.
UMandisa waye wohlukana neqabane lakhe kodwa uSkhumbuzo zange ohlukane namanye amaqabane wakhe nto leyo yadala iingxaki kubudlelwane babo.
Aba babini bagqibe kwelokuba bagxile kubudlelwane babo kwaye babonise ilizwe ukuba uthando alohlulwa nto.
Ungaphoswa ke sisiqendu sale ndlela yabo iya eluthandweni kwi-Our Perfect Wedding kwiMzansi Magic (Channel 161) kule Cawa yomhla we-10 kweyoMsintsi.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!