Oscar Mabuyane: ‘AmaMpondo axakile’

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi isigqibo sokusa iziko lenzululwazi kuCofimvaba sathathwa emva kokubona abantwana bale ndawo beqhuba kakuhle kwizibalo nenzululwazi.

Kodwa ngoku abantwana bezikolo zasemaMpondweni nabo baqhuba kakuhle kakhulu kwizibalo nenzululwazi.

UMabuyane ebethetha kuCofimvaba ngoLwesithathu ngethuba iSebe leNzululwazi noBuchule belityelele le dolophu ukuza kuvula ngokusesikwenzi iziko lenzululwazi elixabisa iR60.5 million.

Iziko lenzululwazi kuCofimvaba UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Eli ziko, nelithiywe ngegqala lomzabalazo uAlbertina Nontsikelelo Sisulu, liza kunceda abantwana bale ndawo neendawo ezingqongileyo kuquka noluntu luphela ngezisombululo kuphando nobucukubhede bezobuchwepheshe.

Ukusuka kwimiba yoqikelelo lwemozulu, ukuya kubuchwepheshe bemiba yaselwandle, imibuzo ebuzwa kwisilabhasi yenzululwazi, ukusombulula imiba yanamhlanje ngamava emveli – eli ziko linako konke nokuninzi.

“Liziko lokuqala elinje eli apha ephondweni, eliza kunika amathuba abantwana balapha ephondweni ukuba bakwazi ukunxibelelana ngemiba yenzululwazi nobuchwepheshe,” utshilo uMabuyane.

“Ngumsebenzi omhle lo owenziwe ngurhulumente okhokelwa yiANC ukuphuhlisa abantwana basemaphandleni. Xa sithetha ngophuhliso lwamaphandle, sithetha ngongenelelo olufana nolu apho iziko elinje ubunolifumana eGqeberha okanye eKapa, kodwa sikwazile ukuba siyizise apha ebantwini ezilalini.”

UMabuyane uthi eli ziko liziswe apha kuba le ndawo yaseCofimvaba yayibonakalisa amandla kakhulu kwizinga lokuphumelela izibalo (mathematics) kwakunye nenzululwazi (physical science).

“Andinakuyithetha lo nto ngoku kuba amaMpondo axakile. Lonke ixesha xa sifumana iziphumo zikaGrade 12, imimandla egudle unxweme lolwandle yaseMaMpondweni efana neSajonisi, Lusikisiki neMbizana yenza kakuhle kakhulu kwiziphumo zezibalo nenzululwazi,” utshilo uMabuyane.

UMphathiswa uBlade Nzimande, uKumkani Dalimvula Matanzima neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Umsitho wokuvulwa kweli ziko ubuzinyaswe nguMphathiswa uGqr. Blade Nzimande, uMphathiswa uLindiwe Sisulu, iKumkani yabaThembu baseRhode uDalimvula Matanzima kwakunye nezinye izihandiba.