Oscar: ‘Masingahluthi kukho abantu abalambileyo’

Umam' uNobambo Matiwane waseZintakeni eNgquza Hill efumana izitshixo zendlu yakhe entsha kwiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane kwanoMphathiswa uNonkqubela Pieters UMFANEKISO: Mandla Nduna/ EC OTP
INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi ukonwaba nokuhlutha esiswini kube kukho abantu abalala belambile, akwamkelekanga kubantu abathunyelwe eburhulumenteni bokukhokela abantu. 

UMabuyane ebethetha eQokolweni eMthatha ngoLwesine eyokunikeza indlu eyakhiwe ngurhulumente kwinkosikazi engathathi ntweni. Esiya kule nkosikazi nje urhulumente kungenxa kaMlibokazi Qoboshiyane owayexelela abasemagunyeni ngentsokolo yayo. UMlibokazi liwele likaSekela Somlomo weNdlu yoWisoMthetho, uMlibo Qoboshiyane. 

UMabuyane uthi luxanduva aluthwalisiweyo ukusebenzela abantu. 

“Ndinikwe uxanduva yiAfrican National Congress ukuba ndiyosebenzela abantu, ndingasebenzeli mna neetshomi zam. Kufuneka sisebenzele abantu. 

“Sifuna urhulumente oneentloni, sifuna urhulumente onembeko, sifuna urhulumente onesazela kuba isazela siyamakha umntu. Sifuna urhulumente onentobeko,” kutsho uMabuyane. 

UMabuyane uthi ukuthembakala kweenkokheli zikarhulumente ebantwini, ngoyena ndoqo. 

“Kufuneka sithembakale ebantwini njengabameli babantu eburhulumenteni. Makusetyenzwe nto zakuthi, masilale kancinci, sisebenze kakhulu. Imbi le nto yolala kakhulu, usebenze kancinci kodwa uyamkela. 

“Masingaphumli kukho abantu abangaphumlanga, masingonwabi kukho abantu abangonwabanga, masingahluthi kukho abantu abalambileyo. Ilofu yesonka onayo kha ukhe uyiqhekezele abanye abantu,” utshilo uMabuyane. 

Phambi kokuya eQokolweni, uMabuyane ebeseNgquza Hill enikeza izindlu kuluntu oluhlelelekileyo, ephelekwa nguMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu uNonkqubela Pieters.