Othengisa esitalatweni uza kwenza ingeniso ngoncedo lweBCM

UWelcome Nkayi ngomnye wabaxhamlileyo

USiphokazi Ximiya, othengisa phambi kwesango lesibhedlele iCecilia Makiwane eMdantsane, uthi uza konga amawaka amathathu eerandi (R3 000) ngenyanga kulandela ungenelelo lukamasipala othengele abathengisi basezitalatweni iziza ezindilisekileyo.

Rhoqo ngosuku, uXimiya ebehlawula ikhulu leerandi (R100) kumntu omrhuqela ngemoto ikhonteyina yakhe enamavili athengisa kuyo.

Ukusuka kumagwinya, ukuya koonkqiyoyo, iziselo, nakwiikota ezihlohlwe okumuncisa iintupha, yonke into oyifumanayo uyayifumana kwaba bathengi.

UXimiya ngomnye wabathengisi basesitalatweni abathengisa ngaphandle kwesibhedlele iCecilia Makhiwane ofumene isitendi esitsha ngoncedo lomasipala waseBuffalo City.

“Umngeni ebendinawo ibiyikhonteyina ebekufuneka ndiyirhuqe ngemali rhoqo ngosuku. Imali ayikho, ngamanye amaxesha andiyenzi inzuzo. Siyambulela urhulumente kuba ngoku ndizovela ndize nezinto zam ndizosebenzela apha.”

NgoLwesithathu, uSodolophu waseBCM uXola Pakati, ekhatshwa ngamagosa akhe, utyelele aba bathengisi ukuya kunikezela ngokusesikweni iziza ezitsha zokuthengisela.

UWelcome Nkayi, oxhamlileyo, uthe ezi ziza, ziza kunceda ukwenza umsebenzi wabo ube lula, watsho ebalula ukuba xa imozulu imbi bekunzima ukusebenza.

UNkayi sele ethengise ngaphandle kwesi sibhedlele iminyaka emithathu.

“Njengokuba kuthengiswa, abantu abazithandi izinto ezihleli nje ngendlela engalunganga. Ngoku kuza kubangcono siza kuzibeka kakuhle izinto zethu.”

USodolophu waseBCM uXola Pakati uthi aba bathengisi banokutya okusemgangathweni.

“Umgangatho wokutya okuthengiswa phaya uphezulu. Ndifike ndathenga phaya, ukutya okuthengiswa phaya akufani nokuya kuka1984. Lo nto ithi masibaxhase aba bantu, kuba benza umsebenzi omhle.

“Into ebimbi ibiyile yokuthengisa phandle imvula isina okanye kubhudla umoya. Olu ngenelelo luze nesidima kubantu bakuthi,” utshilo uPakati.