Othi unguThixo makasiwe koogqirha bengqondo!

PhaYA kweyeKhala, kweli phephandaba, kukhe kwabhalwa ngomntu obanga ukuba unguThixo.

Phambi kokuba kwenziwe nantoni na ngomntu ozibiza ngokuba unguThixo kukumsa kooGqirha bengqondo kwangethuba. Ngethamsanqa, eKapa apho akhoyo lo mntu baninzi oogqirha bolo hlobo. Mabancede torho abakowabo bamse.

Baninzi apha eMzantsi Afrika abantu abahlohla ezabo ngokuqhatha abanye besebenzisa igama likaThixo.

Baninzi maxa onke noozamazama kwelo cala. Into yokudlala ngabantu kusetyenziswa igama likaThixo indala kakhulu apha kweli lizwe, kodwa le yokuba umntu ade azibize ukuba unguThixo ihamba yodwa. Ngaphambili amaxoki amaninzi ayeye abange nje ukuba athunywe nguThixo engathunywanga.

Ndisemncinci kwakha kwakho nomntu owayesithi ugxothwe nguThixo emasangweni eZulu ngenxa yokuba izono zakhe zininzi kangangokuba zinokonakalisa isihogo sikaThixo enokufakwa esihogweni.

Wayesithi ke uThixo umthumele emva apha emhlabeni, emthumelele ukuba aze kuphungula izono zakhe ngokuzichaza ebantwini esidlangalaleni. Wayehamba ke ezitalatweni ezilokishini zoomaMonti, Qonce noKomani – esasaza izishiqi namanyala awayebanga ukuba wawenza ekuphileni kwakhe kwangaphambili.

Yonke ke into awayeyithetha lo ‘mprofeti’ wayengayithethi ngohlobo olunokuviwa ngabantu kuba wayekhonkotha okwenja, enotata endimaziyo owayemtolikela.

Yaye iyitoliki yodwa eyaye iyiva into ethethwa ngulo mprofeti owada wabizwa ngokuba nguKhonkotha.

Mna ndambona kwakanye kungorhatya phambi kwakwaMaDlamini eMbonisela Street, ekoneni yeMbonisela neCamp Street, eNew Brighton kwaMekeni.

Kuthiwa ke ubuprofeti nokukhonkotha kwalo mprofeti kwaphela mhla wabanjwa ngamapolisa amhlophe aseKomani awayesazi kakuhle isiXhosa, wona ke athi akuva utoliko lwamabibi ambamba amfaka ngaphaya kwezitshixo phambi kokuba ambethe kanobom emxelela ukuba aza kumbetha ade athethe engeyonja nje. Kuthiwa ke waphela ethetha.

Kuthiwa wenziwa ukuba athethe esidlangalaleni ukuze beve abantu ukuba uyakwazi ukuthetha. Kwaphelela apho ke ukukhonkotha kukaKhonkotha. Baphelela apho nobo buxoki bobuprofeti.

Ungacingi ke ukuba wayengenabalandeli uKhonkotha. Kungekudala ndidibene nomntu endixelela ukuba yena umazi kakuhle uKhonkotha, esithi wayengumprofeti wenkululeko owayelandelwa nguyise, uyise embona uKhonkotha njengoYeremiya wasebhayibhileni owayekhalela isizwe sakowabo esasisekuthinjweni.

Indlela abathanda ukukholelwa ngayo abantu balapha abantsundu iyaxaka. Wonke umntu ongafuni kuphalaza gazi, xa efuna lula ubutyebi, uthatha ibhayibhile akugqiba ukuzilungisa isiqu, akhe ibandla lakhe nokuba akazi nto ngabhayibhile nabuKristu, nokuba akakwazi nokucengceleza uBawo wethu osezulwini.

Ubuninzi bezifo nobunzima bokufumaneka konyango olululo kwenza namhlanje ukuba abantu babe licham lwenkitha yabaprofeti namaxwele obuxoki.

UJohn Gunther waseMelika owabhala incwadi ebizwa “Inside Africa” ngethuba loo1954, uthi enye yezinto ezammangalisa kakhulu eMzantsi Afrika bubuninzi beeCawa kubantu abamnyama.

Uthi ezinye zezi cawa zinamagama amangalisayo. Uthi enye awayifumanayo igama layo laye liyi “King George VI Win The War Hallelujah Church in Zion.” Uthi enye inkonzo igama layo laye liyi “Codliver Oil Dead Church.”

Kanti ke apha eMonti nakwezinye indawo yakha yakho inkonzo eyayibizwa ngokuba libandla lika-Adam. Kwakuvalwa iminyango neefestile xa iqhutywa.

Uthi umntu owayendichazela ngokuyazi kuba umkhuluwa wakhe waye ngumfundisi kule kaAdam, kwakunganxitywa mpahla tu enkonzweni, ibandla lonke lingumzekelo kaAdam noEfa emyezweni, kuculwa kujikelezwa, umfundisi eze ngokwakhe ngabazalwana nodade.

Yena ke ujikelezwa ephethe igqajolo loswazi lokubetha umzalwane nokuba ngudade obonakala, kolo hambo ze, esoyiswa sisono sokuqala esagxothisa umntu eEden.

Kanti ke ekuqalekeni koo1960, abanye abasebenzi basemizini yabelungu eKabega Park eBhayi, bathi bakubona ukuba kunzima ukugoduka ngoLwezine bazenzela inkonzo eyaye ingathiwa pa-ha eyayibizwa ngokuba kuseLudusheni ngabantu bayo. Kuthiwa le nkonzo yayingena ngokuhlwa etempileni yabelungu engasetyenziswayo. Kule nkonzo yaseLudusheni kwakugqityelwa ngokuthi umshumayeli wesibini, athi ukuphela kwengoma “masiye emadolweni”. Xa kusiyiwa emadolweni, igosa elingasemnyango lalicima zonke izibane. Kuthi kwakubamnyama, adanduluke umshumayeli athi “udushe eludusheni”. Ibe ludushe ke ebumnyameni, abantu bagoduke ngokugoduka ukubuyela apho baxelenga khona.

Kanti ke apha eMdantsane ngo1980, ndeva ukuba kukho inkonzo engena yonke imihla ententeni kwi-unit ethile. Kwakusithiwa le nkonzo xa ibizwa, yinkonzo yombhovuzo.

Xa ndibuza ukuba yintoni eqhubekayo embhovuzweni. Impendulo yabo bonke abandiphendulayo yaye iyeyokuba into eqhubekayo kukunikana kwabantu bakaThixo uthando lwasenyameni.

Kwathi ke xa ndiphikisa usisi ongumakoti owayendincomela le nkonzo sincokola ebhasini, mna ndisithi soze ihle into enje ngale wayendixelela yona, ndisithi soze kubekho ntente igcwele abantu abenza umkhuba onjalo bayekwe ngamapolisa bangabanjwa. Uthi umakoti, “tyhini bantu, ngubhuti onjani lo?”

Uthi zizibhanxa zamapolisa oza kuzichola phi ezi ziza kuthi zingamadoda zifike kubhovuzwa ngamanye amadoda, zisuke zona zithi endaweni yokwenza njengamadoda, zikhuphe iintsimbi zibophe abantu bethandana?

Yho! Akwaba bendinomnakwethu bendizaw’goduka ndiyokumthatha ndithi, yiza, yiza mntakamama, nasi isisulu sigqunywe ngelema eMdantsane”. Ndamjonga lo mfazana ndasuka ndaphela yintsini, ndaqiniseka ukuba ndinyanisile ukuba ayikho inkonzo yombhovuzo.

Ndothuka emva kweminyaka engaphezu kweshumi xa beliqela abantu abathi kum, yayikho ngokwenene inkonzo yombhovuzo. Ndixakwa kukuba yapheliswa yintoni.

Ukuqhela uThixo negama lakhe yingozi enkulu. Xa abantu bengoyiki bantu, bengoyiki ntolongo, bengoyiki naThixo, yintoni embi abangenakuyenza befuna ukuyenza?

Abazali mabafundise abantwana ukwenza okulungileyo kwabanye abantu. Mabafundise abantwana ukuzidla ngegama labazali babo.

Ndikhumbula ukuba thina sisengaphantsi kweminyaka esibhozo sasifundiswa ukuba masikhusele iingelosi zethu ukuba zingabhityi kukuhlekwa zezinye ngenxa yezenzo zethu zokugeza.

Ingqeqesho yomntu ayisoze iphumelele xa umqeqeshi efuna ukuba mayibenencasa koqeqeshwayo.

Ingqeqesho yomzali, umfundisi welizwi neyetitshala mayingafani neyomama kanonkala, othi xa efundisa abantwana ukuhamba ngqo abenzele umzekelo ngokuhamba goso.

Ewe, ayilula lo nto, kodwa mayizanywe kuba kakade ubomi ngumzamo.

Abantu mabazi ukuba ayisiso isono ukungayikholwa into ongayiqondiyo.