Otshatileyo ufuna ukukhulisa ukuzithemba kumakhosikazi

UMrs SA Grand Top Model uOngeziwe Fezeka Jakavula uthi ukwiphulo lokuqeqesha oonobuhle eMthatha nakwiziphaluka umfanekiso: Uthunyelwe

Inkosikazi yakwaJakavu, uOngeziwe Fezeka, 28, noyinzalelwane yaseLibode, uthi eli phondo leMpuma Koloni linetalente eninzi edinga nje ukukhathalelwa kwanokununuswa.

Uthi baninzi ooMiss SA abanokuphuma apha, umzekelo wabo nguZozi Tunzi.

UJakavu uthetha enguMrs Grand SA Top Model 2019 notshate kulo nyaka sikuwo.

Uthi nangona nje etshatile ufuna ukuba ngumzekelo kumakhosikazi ekubeni akubikho nto imayo xa utshatile kodwa kufuneka uzihloniphile ungenzi nanjani.

UJakavu uthi uthando lokungenela ukhuphiswano loonobuhle kudala lwaqala kuye ngaphakathi nanjengoko waqalisa ukuvula indawo yokuqeqesha oonobuhle eMthatha ngo2011.

Uthi baninzi abantwana abafunda ukuzimela nokungoyiki awaba qeqeshayo. Uthi omnye wabo abo bantwana wangena nakuMiss Teen SA.

“Elona cebo ndandifuna ukuvula isikolo okanye indawo eza kuthi yaziwe enonoobuhle abaphume izandla eMthatha emva kokuqaphela italente ekhoyo. Talente leyo yayingahambeli ndawo kuba amathuba ayengekho. Ngenxa yokuba nam ndandingumfundi kwanyanzeleka ndimke eMthatha ndibuyela kwaZulu-Natal,” utshilo uJakavu.

Uthi le mpumelelo yakhe kaMrs Grand SA Top Model uza kuyisebenzisa kumaqonga athile ngenjongo zokukhulisa igama lakhe njengo “Mrs Ongezwa Fezeka-Jakavula”.

UJakavula uthi ujonge ngamehlo abomvu ukungena kumakhuphiswano afana noMrs Category, Mrs SA kwakunye noMrs Africa – apho athi eyona njongo kukuqaqambisa eli phondo kwaye neenjongo zokukhuthaza amanina alo.

“Ngokuba ube ngowaseMpuma Koloni akuthethi ukuba angekhe uzivavanye kwezinye izinto. Le ayonto yoobani okanye abangcono kunawe, okubalulekileyo kukwenza uphando ubuze, umsebenzise ugoogle wakugqiba uzivavanye.”

UJakavula sele esuka kuba nguMrs Ice Queen 2019.

Ungamlandela kuFacebook wakhe, ukhangele * -EC Xtraordinaire Models no I AM Ongeziwe Fezeka Jakavula, uncokole naye.