Owanqunqa uNosicelo ufumene igqwetha

Uvele kwiNkundla ePhakamileyo yaseMonti uAluta Pasile ojongene netyala lokubulala ngokumasikizi uNosicelo Mtebeni nabencumisana naye eMonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UAlutha Pasile (25) owanqunqa wabulala intwazana awayethandana nayo uNosicelo Mtebeni (23), emva kwamatyeli evela phambi kwenkundla yamatyala eMonti esithi akafuni gqwetha liza kuthi limmele, uphele etshintsha iingqondo elifuna, nalapho afumene igqwetha likarhulumente kwaye wafumana elibhinqileyo.

UPasile uvele ngoLwesibini kule veki kwinkundla ephakamileyo yamatyala. Ukuvela kwakhe akukhange kudlule nakwimizuzu emihlanu, labe sele limiselwa umhla wama29 kwakule nyanga. Igqwetha lakhe uNcumisa Dyantyi akakhange aphikise nkundla, udize ukuba sele belilungele ityala ukuba liqhube. Ngalo mhla kulindeleke ukuba kuqalise ukuxoxwa kwetyala. UPasile uvele esanxibe eza mpahla wayevele ngazo ngethuba eqala ngqa ukuvela phambi kwenkundla eMonti. Ukwavele phambi kwenkundla enamehlo abomvu krwe okomntu obekhala.

UPasile wabulala uMtebeni ngenxa yesikhwele kwindlu ebebehlala kuyo eQuigney. Oku kwenzeka ngenyanga yeThupha, nyanga leyo ibizwa ngokuba yeyamanina. Kwingxabano leyo yakhokelela ekubeni uPasile anqunqe amalungu omzimba kaNosicelo, akugqiba wawafaka kwisutikheyisi. Le sutikheyisi yabhaqwa ngakwikona yesitalato ababehlala kuso eQuigney. Intloko yona yafunyanwa ngamapolisa ngaphakathi kwigumbi elo babechophisana kulo.

UAnande Neti ongunobhala weSRC eFort Hare, kwikhampasi yaseMonti, ethetha neentatheli ngaphandle kweNkundla ePhakamileyo, udize ukuba abaxolanga kwaphela.

“Sukela kwaqala eli tyala zange saxola kuba inkundla isarhuqa unyawo nangoku malunga neli tyala. Esikubonayo kukuba inkundla ingathi ingakwicala lomrhanelwa hayi ngakwelexhoba. Njani isiganeko esinje sokubulawa komntu, ingakumbi obhinqileyo kodwa ityala licothe kanje? Sifuna likhawuleze eli tyala kwenzele usapho kwakunye nabafundi baza kuthi baxole,” utshilo uNeti.

Imibutho engenanto yakwenza norhulumente efana neMasimanyane Women’s Rights International kwakunye neBumb’ingomso ibiphambi kwenkundla nayo izokulwela uNosicelo. UTabisa Bobo weMasimanyane Womens Rights uthi noko ngumtyhi lo wokuba ngoku kuza kuqalisa ityala. Uthi abakujongileyo ngoku kukuba ityala likhawuleze ligqitywe kwaye babone umthetho ukuba uza kuthini ngeli tyala.

UNosicelo ebekunyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zoMthetho eFort Hare ngethuba kunqunqwa ubomi kwakunye nekamva lakhe nguPasile.

UPasile uphindiselwe eziseleni elindele umhla wama29 apho kuza kube kuqhuba ityala lakhe.