Owanyoba kukhululwe ummi wangaphandle ongekho mthethweni ufumene ibheyile

UYolisa Linda Hlongwane (49) uvele phambi kwenkundla kamantyi yaseQonce ngoLwesibini umhla weshumi elinesibini (12) kweyeNkanga 2024 ngezityholo zobuqhophololo nalapho wakhululwa ngebheyile yeR500.

Oku kuza emva kokuba uHlongwane ebanjwe liqela leeHawks elizinze eMonti, iSerious Corruption Investigation, ngoMvulo umhla weshumi elinanye (11) kweyeNkanga 2024.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, kutyholwa ukuba ngoMgqibelo umhla wesithoba kweyeNkanga 2024, igosa lezongenelelo libambe ummi welizwe langaphandle ngokungena kweli loMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni. Nanjengoko lalixakekile nomrhanelwa, kuvakala ukuba eli gosa lafumana umyalezo ngefowuni osuka kuHlongwane eyalela ukuba eli gosa kufuneka likhulule umsebenzi wakhe wasefama – ongummi wangaphandle – ethembisa [eli gosa] ngokulibhathala iR2000.

Emva koko, kwaqhutywa iphulo eliyimfihlo apho uHlongwane wabonwa efumbathisa eli gosa eQonce. UHlongwane wabanjwa ngoko nangoko ziiHawks ngoMvulo, umhla weshumi elinanye (11) kweyeNkanga 2024.

Ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMqungu 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.