Owaphuma endlini ekhwaza ‘ndimgqibile’ emva kokubulala isithandwa sakhe ugwetywe ubomi

Ogwetywe ubomi uSinawo Zenani (26) ngokubulala uLusanda Sikisi (27). UMFANEKISO: NPA

USinawo Musa Zenani (26) ugwetywe ubomi engaphakathi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokuhlaba abulale intombi awayethandana nayo egama linguLusanda Sikisi (27), egwetywa yinkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika ebichotshelwe eGcuwa kwiveki ephelileyo.

Ngokwengxelo yesithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ithi, lo kaZenani ukwabonakalise nokudelela ingalo yomthetho kuba ukwazile ukuya kwindlu kaSikisi nalapho afike wamhlaba amanxeba angama55 wambulala, nangona nje uSikisi wayemfakele isigunyaziso sokhuseleko, iprotection order ngamanye, kwiinyanga ezimbini phambi kokuba ambulale.

USikisi wafaka esi sigunyaziso sokhuseleko apho asebenza khona nowayengumabhala kwinkundla kamantyi kuGatyana.

Ingxelo iqhuba ithi, ixhoba laxelela abamelwane bakhe ngoWhatsApp apho wayerenta khona ukuba ufake isigunyaziso sokhuseleko ngakulowo ebethandana naye kuba ubudlelwane babo bebungasebuhlanga ehlukunyezwa uSikisi.

Ngenyanga kaFebruwari kulo nyaka, uZenani wafika endlini kaSikisi wankqonkqoza emnyango ngenkani de wafumana ithuba lokungena ngaphakathi, emva koko abamelwane beva ingxwabangaxwaba phakathi kwesi sibini kwalandela isikhalo. Xa ephuma phandle uZenani, waphuma egcwele igazi impahla wabe sele ekhwaza exelela abamelwane ukuba “ndimgqibile.”

Emva kwesehlo uZenani wabanjwa eGcuwa. Phambi kwenkundla xa bekuqhuba ityala uye wathi akanalo yena ityala. IGqwetha loMbuso eliPhezulu, uNkululeko Mzinyati, waveza ubungqina bamangqina asithoba (9) athi ngazwilinye ukuba uSikisi ebengasahlali endlini arenta kuyo ebezifihle kwiitshomi kuba esoyikisela ubomi bakhe kuZenani, ngolu suku abulawa ngalo wayeyokuvasa impahla yakhe ngokokutsho kobungqina.

Kubungqina obufundwe enkundleni, umama kaSikisi uthi umntwana wakhe uLusanda ushiya ngasemva umntwana oneminyaka emithathu (3) kuphela, nathi ngoku uyinkedama kuba notata womntwana akasekho wadutyulwa.

UBarry Madolo ngonguMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, usamkele esi sigwebo watsho eqhwabela izandla abo basebenze kweli tyala, esithi oku izakuba sisifundo nakwabanye. Uthi ukuphathwa gadalala kwabantu ababhinqileyo soze kwamkeleke naninina eMzantsi Afrika.