Owasetyhini ubulele indoda ngenxa yebhonasi!

Owasetyhini onama51 eminyaka ubudala uza kuvela enkundleni kaMantyi waseSomerset East, ngoMvulo ngetyala lokubulala.

Oku kulandela ukubanjwa kwakhe ngezityholo zokugqithis’ amafu isinqandamathe sakhe kulandela ingxabano ngemali yebhonasi ngokuhlwa kwangoLwesithathu.

Ngokutsho kukaSajini Majola Nkohli, malunga necala emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngoLwesithathu, umhla we15 kuDisemba, indoda enama38 eminyaka ubudala ibizihambela kwisitalato iRaymond Mhlaba, kwilokishi yaseBongweni eCookhouse, ngethuba isinqandamathe sayo siyihlangabeza.

USajini Nkohli uqhuba athi esi sibini kuthiwa sibe nengxabano emfutshane nalapho lo wasetyhini uye wanomsindo, waze wathi rhutyu isikhali wamhlaba wamosela umfi kumzimba wangasentla.

“UAkhona Sondlo (38), uye wabikwa njengongasekhoyo kwindawo leyo yesehlo,“ kubika uSajini Nkohli.

Kukholeleka ukuba ingxabano bingemali yebhonasi. Kubanjwe owasetyhini onama51 eminyaka ubudala, kulindeleke avele kwinkundla kaMantyi waseSomerset East ngoMvulo, umhla wama20 kuDisemba 2021 ngetyala lokubulala.“