Owasetyhini uhlabe wabulala indoda yakhe

Ngowasethyini onamashumi amane anesithoba (49) ubudala ohlabe wabulala indoda athandana nayo ngobusuku bangoLwesihalnu kumatotyombe aseSkiet edolophini eGcuwa.

Ixhoba eli lihlatywe labhubha linamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala. Le ndoda ihlatywe kumzimba ongentla yabhubha kwangoko emva kwengxwabangxwaba ebiphakathi kwabo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka, uKapteni Jackson Manatha uthe: “Ingxelo zithi esi sibini sifike emva kwentsimbi yeshumi ebusuku ngoLwesihlanu kwityotyombe laso nekungacaci ncam ukuba bebevelaphi, ixhoba liye lafuna into etyiwayo kumrhanelwa, nathe akaphekanga ngelithi sifika sobabini, ukungavisisani kuvuke xa kulapho, phakathi kwesi sibini nekulapho owasetyhini aye wakhupha imela ehlaba ixhoba eli kumzimba ongentla labhubha goko.”

UManatha uthi, amapolisa aye abikelwa ngesi sehlo. Ngethuba esendleleni eya kwityotyombe lomrhanelwa, amapolisa afike kusithwa lo wasetyhini sele ezinikeze ngokwakhe emapoliseni nafike wazichaza ukuba ubulele isithandwa sakhe.

Le nkosikazi sithetha nje ijongene netyala lokubulala, kwaye uyavela ngale ntsasa kwiinkundla zamatyala eGcuwa.