EZAPHESHEYA – Owasetyhini, 25, waseWales uvele enkundleni kutsha nje emva kokuba etyholwa ngokuhlukumeza owayethandana nesithandwa sakhe ngokumthumelela iividiyo ezininzi esuza.
Eli tyala lingaqhelekanga liphawulwe njengelokuqala lohlobo lwayo kwinkundla yaseBritani. Ngokutsho kwephephandaba laseBritani, iThe Mirror, eli bhinqa elinguRhiannon Evans lathumela ezi vidiyo kuDeborah Prytherch.
Umtshutshisi uDiane Williams uxelele umantyi eCaernarfon kumantla eWales ukuba kwividiyo yokuqala uRhiannon ubeke ikhamera yefowuni eempundu wasuza.
Kuthiwa nge22 kweyoMnga wonyaka ophelileyo u2024, uEvans wathumela iividiyo ezintathu zakhe esuza, kukho ezinye iividiyo ezine azithumeleyo ezazimbonisa encumile ngelixa ejonge kwikhamera.
Ebesoloko ethumela iividiyo nasemva kokuba izenzo zakhe zixelwe emapoliseni, litsho iphephandaba laseBritani.
“Ndingathanda ukuziva ndikhuselekile ekhayeni lam,” utshilo uPrytherch kwingxelo efundwe enkundleni.
UEvans wavuma ukuba wazithumela ezi vidiyo xa wayebanjwa kwikhaya lakhe eCaernarfon. Umtshutshisi uWilliams uthe uEvans uthe wathumela iividiyo kuba ekholelwa ukuba isithandwa sakhe besiphathwa ngokungafanelekanga nguPrytherch.
“Iividiyo zenziwe ngeenjongo ezimbi. Ebesinekile kuzo zonke iividiyo, izenzo zakhe ebezithatha njengezihlekisayo kodwa ixhoba alizange lizithande,” utshilo uWilliams.
Kuvakele enkundleni ukuba kukho iingxaki eziqhubekayo phakathi kwesithandwa sikaEvans noPrytherch malunga nokubona umntwana.
Igqwetha likaEvans, uHarriet Gorst, limthethelela lathi uEvans wayephantsi kweempembelelo zotywala xa wayethumela iividiyo. “Uyaqonda ngoku ukuba oku kubangele ixhoba uxinzelelo. Uthumele iividiyo ngaphandle kweenjongo ezimbi,” utshilo uGorst.
Unikwe umyalelo woluntu (community order) weenyanga ezilishumi elinesibini, kwakunye nomyalelo wothintelo lweminyaka emibini ethintela ukuba adibane noPrytherech.
Kwafuneka ahlawule izohlwayo ezixabisa i£300 (R5 806,89), kuquka i£100 (R1 935,63) yembuyekezo yexhoba lakhe kunye ne£199 (R3 851,90) yeendleko zenkundla. Ukongeza, uye wanikwa iiseshoni ezilishumi elinesihlanu zokubuyisela impilo yakhe kwimeko yangaphambili kwaye uyalelwe ukuba ayeke utywala iinyanga ezimbini.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro