Owayesakuba nguKapteni kwisikhululo samaPolisa eNdevana kude kufuphi nedolophu yaseQonce, uMzukisi Landu (59), kulindeleke ukuba achithe bonke ubomi bakhe ejele emva kokuba ethe wanikwa isigwebo sobomi ngaphezulu yabayiminyaka emithandathu (6) ngokufunyanwa enetyala lokunukuneza kwanokudlwengula intwazana eyayineminyaka elishumi elinanye (11) nengumtshana wenkosikazi yakhe.
Esi senzo uLandu usenze phakathi konyaka ka2014 ukuya ku2018 ngethuba liselula kakhulu ngokweminyaka ixhoba.
Ixhoba kuqale lina11 ukuhlala nomakazi walo kwakunye noLandu nongumyeni kamakazi wakhe kumzi wabo eLilitha eZwelitsha, nekulapho uLandu waqala khona ukuphathaphatha ixhoba ngendlela engafanelekanga.
Ngokwengxelo yeNPA eMpuma Koloni ithi, uLandu wayemane ukucela ixhoba ekubeni limgalele iyeza lamehlo emehlweni ngethuba uLandu sele esebhedini ngaphakathi nalapho ebeye afumane ithuba lokumbambabamba amathanga kwakunye namalungu afihlakeleyo obuntombi bexhoba.
Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi ixhoba laxela kumakazi walo ngesi senzo, ze umakazi wamnqanda umyeni wakhe, nangona umyeni waqhubekeka nemikhuba yakhe emntwaneni.
Ngo2018, uLandu waqala apho ebeyeke khona waselisa ixhoba iSoda eyamenza ukuba emkelwe ziingqondo lamzuzu. Ekuvukeni kwakhe, umntwana waziqaphela ukuba udlwengulwe emva koko wamgrogrisa ngompu ngelithi uza kumbulala ukuba uxelile.
Ixhoba lalisele lineminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngo2018, nalapho laxela kumama walo kwavulwa ityala.
UTyali uthi, emva kokuba uLandu evile ukuba uvulelwe ityala, waye wabeka phantsi kwangoko iintambo emsebenzini wakhe emva koko wayokuzibambisa ngokwakhe.
Ngethuba kuqhuba ityala, uLandu wathi akanalo ityala koko ixhoba lamtyhola kuba lalisoyika ukungxoliswa kuba libuye sekurhatyele ekhayeni ngalo mini.
Ubungqina obubekwe phambi kwenkundla kuveze ukuba uLandu sele ekhe wacela uxolo phambi kwamalungu osapho malunga nesi senzo nangona nje phambi kwenkundla ebephika esithi ityala akanalo.
I-NPA ithi izimisele ukuqinisekisa ukuba ingalo yomthetho iyawalwela amaxhoba ezenzo zesondo kwaye ikhuthaza amaxhoba ukuba aze ngaphambili azokuwaxela amatyala alolu hlobo ukuze afumane uncedo.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!