Owazalwa ngo1988, ugqiba iminyaka eyi-8!

UNjengele Jerry Mpokeli wazalwa ngomhla we-29 kwinyanga kaFebruwari

ABO babon’ ilanga ngomhla we29 kweyoMdumba baye bafumane inyhweba yokubhiyozela usuku lwabo lokuzalwa rhoqo emva kweminyaka emine. Kunjalo! Lo mnqongo wosuku ubafikela ngonyaka owaziwa njengeLeap Year.

Abantu abazalwa ngolu suku baye bateketiswe njengeeLeaplings, iiLeapsters okanye abantwana beLeap Year.

Ngamanye amaxesha kuye kuqhulwe, kuncitshiswe iminyaka yabo. Umzekelo, umntu oneminyaka engama28 kuthiwa ubhiyozela iminyaka esixhenxe.

Umbuzo ngowokuba, xa uzalwa ngomhla we29 kaFebruwari uye ulubhiyozele nini usuku lwakho lokuzalwa, ingakumbi ngaloo nyaka lungekhoyo ngalo usuku lwe29?

UNjengele Mpokeli, odume ngelikaJerry, wazalwa ngolu suku ngonyaka ka1988 kwilali yakuMaqebevu kwidolophana yaseNgqeleni.

UJerry uye abhiyozele unyaka wakhe wokuzalwa rhoqo emva kweminyaka emine.

Ngaphandle kolu suku lwe29 kaFebruwari lunqabe okwezinyo lenkuku, uJerry wazikhethela ukubhiyozela usuku lwakhe rhoqo ngomhla we28 kaFebruwari, suku olo kwazalwa ngalo udade wabo owamshiyela ibele.

“Kuba kaloku ndizelwe ngoFebruwari, andifuni ukuzifaka kuMatshi kuba yenye inyanga uMatshi,” kutsho uJerry encokolela I’solezwe lesiXhosa.

Kususela oko wazalwa uJerry ngo1988, uluxhamle kasibhozo olu suku lukhethekileyo lwe29.

“Ndiza kuba neminyaka eyi32 kulo nyaka, nangona ndiziva ndisemtsha ngathi ndina-8,” kuncokola uJerry.

Akukho nto itenxileyo ayikhumbulayo eyamehlelayo ngolu suku ngaphandle kokufumana isithuba somsebenzi.

“Isivumelwano sam sesigxina ndasityikitya ngolu suku lwe29 kuFebruwari ka2012 kwinkampani endiyisebenzelayo, olu suku lwatshintsha ubomi bam,” kubalisa uJerry.

UJerry uza konwabela olu suku nosapho lwakhe kwakunye nabahlobo bakhe. Kule nyanga kaFebruwari, uJerry uzalwa nomntakwabo kwakunye noodadewabo ababini, ngeentsuku ezohlukeneyo.

Omnye woosaziwayo abazalwa ngolu suku lukhethekileyo yimvumi yeRap uJa Rule.

Emva ngo1988, iLeap Year ifike ngo1992, 1996, 2000, 2004, 2008, 2012, 2016 nakulo nyaka ka2020. Elandelayo iya kuba ngo2024.

Sikunqwenelela usuku olumyoli oluzele iintsikelelo namathamsanqa wena uzalwa ngolu suku!

simphiwe.freddie@inl.co.za