UKatleho Mpakanyane (20) oselula njalo ngokweminyaka uzakujongana nobomi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula. Ngaphezu koko ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngokuzama ukubulala kunye neminyaka emihlanu (5) ngokuphanga ifowuni yexhoba elo.
UMpakanyane ngowelizwe laseLusuthu noze nje ngokubangu malusi wemfuyo kweli loMzantsi Afrika, ugwetywe yiNkundla yeNgingqi yaseMount Fletcher ngoMvulo kule veki.
UMpakanyane uhlala kwilali iQuthing eMangolwaneng, wahlasela ngobusuku ixhoba ligoduka liphuma ethaveni kungomhla wesixhenxe (7) kuMeyi walo nyaka.
Ixhoba lafika kowalo lisakhuselekeile xa liyokuthatha izitshixo kwamakhelwane kulapho ladibana noMpakanyane wabe sele emtyhiliza emwisa phantsi apho waye waphinda phinda emhlaba ngemela ebusweni nasentanyeni.
Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi, emva koko emphinda phinda ukumhlaba waye wamdlwengula logama amdlwengulayo ubeke imela emqaleni kwixhoba eligrogrisa. UTyali uthi emva kokuba segqibile waye wathatha ifowni yexhoba wabaleka.
Uphando olwaye lwenziwa ngamaPolisa uMpakanyane waye wawavuma omathathu amatyala abekwawona elokuzama ukubulala, ukudlwengula nelokuphanga.
UMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni uBarry Madolo, usamkele isigwebo ekwaqhwabela izandla abo ebephanda ngeli tyala.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa