Emva kwezityholo zodlwengulo ezibekwe ngakuye sisigulana sasetyhini ngoLwesine umhla wesibhozo kwinyanga yoMnga kwisibhedlele iMount Ayliff, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni liyinqumamisile indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithoba (39) ubudala.
Ngokwengxelo yeSebe, kutyholwa ukuba umsebenzi wezempilo uvale ucango lwegumbi ngexesha leseshoni kwaye waxhaphaza ngokwesondo ibhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala.
Isebe lidize ukuba ngenxa yobuzaza bala mabango, ligqibe ekubeni liphendule ngokufanelekileyo ngoko nangoko.
Iingxelo zithi ixhoba sisigulane esaziwayo nesifumana unyango kwisibhedlele saseMount Ayliff.
Ngokutsho kwesebe, xa isiganeko sichaziwe, isibhedlele kunye nabaphathi besithili benza ngokukhawuleza ukuxhasa isigulane kunye nokuthobela zonke iiprothokholi zonyango eziyimfuneko. Ukuze bakwazi ukunika ingxelo ngesehlo eso, abalawuli banxibelelane neeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika.
Esi sehlo senzeke ngexesha leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa uxhatshazo kumanina nabantwana. . Urhulumente uhlaba ikhwelo lokuba kuthintelwe kwaye kupheliswe ubundlobongela obusekelwe kwisini kwilizwe lethu kuzo zonke iintsuku ezilishumi elinesthandathu (16) eziqala ngomhla wama25 kweyeNkanga ukuya kutsho nge10 eyoMnga.
Ixhoba kunye nosapho lalo kuthiwa lifumene intuthuzelo yengqondo, ngokwengxelo yesebe.
UMphathiswa wesebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, uzigxekile ezi zityholo.
UMphathiswa ukwayalela iNtloko yeSebe ukuba isungule uphando lwangaphakathi ngoko nangoko malunga nala mabango.
Isebe lisikhalimele esi sehlo kwaye lathembisa ukuba liza kuxhasa abomthetho ngophando.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’