Oyena bawo noma!

Maxa wambi ndiyabhideka kukuzilanda kwabantu ebudaleni, ukuba bafune oonina nooyise ekwaluphaleni.

Athi ngoku umntu sele aluphale, umve esithi ufuna utata okanye umama wakhe, okanye athi uyazigodusa.

Kambe ke kuhle ukuba afumaneke owalahlekayo kusapho, abuye ebutshitshini bakhe obedukile, nobekhuliswa abuyiselwe koko ebekhuliselwa kona.

Kona ukufuna umntu endiza kumbiza utata okanye umama kule minyaka ndikuyo yindlalo. Ngumama notata endiseza kubenzani abo mna ngoku?

Ndingutata mna ngokukwam, andidingi tata. Umama wam usaphila, ndiyambeleka apha kum emhlana. Ndim obeleka yena ngoku. Ngumama endisengabuye ndimenze ntoni endinokumkhangela ke ngoku?

Kweli khabathiso ndikulo, makuvele indoda nokuba yinkathavu yembobole yexhego ithi kum inguyena tata wam; kuthiwe uNjinela endikhule ndisazi yena akongotata wam ncam.

Ucinga ukuba ndingabuye hiliteke ndilandele leyo nkathavu ndisithi ndimfumene oyena tata wam? Khwe!

Ngutata endiza kumenza ntoni mna lowo ngoku? Ndiyamazi ubawo, ngulowa wayengutata ngethuba ndidinga utata; ngulowo wandikhulisayo ukuba ndibe yile ndoda ndiyiyo namhlanje; ngala madoda ndikhule ndibonela kuwo ubudoda.

Inkathavu ezixela ngomlomo ukuba ingubawo ithi mandiyithini loo nto? Nokuba kungavela amangqina amangaphi, mhlawumbi ecacisa nangezizathu ezivakalayo ezabangela ukuba ndingakhuliswa yileyo nkathavu, ngunobenani endingabasamenzani ngoku lowo?

Ndim okhulisayo nowondlayo ngoku, umzali ovela ngoku ndiza kubasamenza ntoni?

Makuvele ubungqina bokuba ndingumgqakhwe apha kwaNgcingane, ndikhonjwe apho ndikhonjwa khona.

Akukho nto ndinokuba sazihlupha ngayo ngaloo nto, ndingahlala ndinguNgcingane enokuba wona ayandilanda na.

Kungaya wona kuleyo ndawo andikhomba kuyo hayi mna. Ndingafika ndibe ngubani kuleyo ndawo kubeni ndikhuliswe ndondliwa ngobuNgcingane?

Andisena kubuya ndibe mntu wumbi ngoku. NdinguNgcingane nozwane, amaNgcingane ethanda okanye engathandi ndiliRhudulu; qwaba ke!

Phaya kuthi sele ndibone abambalwa abathe sele beme imizi, beyibiza ngeendawo abondlelwe bakhulela kuzo, suka ngomzuzu baguquka baziduko zimbi. Baziphuthuma oonina nooyise.

Ndingathi sele ndihambe umgama ongaka ndisesi siduko ndisiso, sele ndilawule ndaphatha izinto ezininzi zalapha ekhaya, nenzala yam ndiyikhulise ngeli khaya, suka bumini ndiyo kuqala isiduko esitsha? Ingaba sendingumfazi yena ubuya azalwe emdala!

Wonke umntwana udinga umzali, ukuba amfundise ubuntu emakhela ingomso, eme ecaleni kwakhe kumanzithinzithi okukhula.

Akukho mntwana ungakufumaniyo ke oku ngokwamaXhosa. Abantwana abazalwa ngaphandle komtshato benikwa ootamkhulu noomakhulu nje kuzanyanwa nale ndawo.

Abantwana ababhujelwe ngabazali kwabelwana ngabo lusapho nazizihlobo, bakhuliswe ngokwabantwana bonke.

Amadodana abhujelwe ngooyise eselula afunda imisebenzi yobudoda kootata bokuhlala, akhule azizuze ngobuninzi bazo izinto ezenza indoda.

Abantu bokwenyani nabanengqondo abathi banikwe abantwana ukuba babakhulise, babakhulisa ngokwababo. Bantshula uthando lobuzali ngokungathi abo bantwana baphuma kwezabo izizalo. Inimba eyadla oonina intshula kwababakhulisayo.

Indoda iyadleka ihlupheke nkalwana zonke ngangowesende layo lowo mntwana kanti izuzene naye bumini. Zizinyhola nezihiba ezithi zimphathe gwenxa umntwana.

Akukho nto yimbi ke ifunelwa umzali ngumntwana ingekuko ukubonelela ngobuzali. Ezo nto ke akuthi ukuze uzifumane ube uzifumana kophume esizalweni sakhe, uzifumana nakuwuphi na umzali onako nonikelwe ukuba enze oko kuwe.

Abanye abanabazali bambi bekho abenyama babo, ngenxa yeemeko. Kazi ngubani na ke oyena yihlo nonyoko?

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba