Oyena mdala otyelele iNAF2017

UNolusapho Sixaba (97) ngoyena mntu omdala uthe watyebisa imehlo lakhe kumnyhadala wezenkcubeko oqhubeka eRhini, nangona eneminyaka engaphezu kwamashumi amane ehlala eRhini.

Le ngwevukazi ijikeleze amaziko ahlukeneyo efunzela imehlo layo kwimixhentso,iingoma nemiboniso yezinto yinto ezihombise apho.

“Ndithe makhe ndize nam kudala ndisiva, ndihambela kude yonke le minyaka, intle into elapha, ndizakukwazi ukubalisa nam ngalo mnyhadala,” uthethe watsho uSixaba.

Le nkosikazi eyinzalelwane yaseLuthuthu kodwa sele inexesha ihlala eRhini, ibingasiboni isizathu sokuza kulo mnyhadala.

Ngabantu abadala abakumashumi asixhenxe abaphuma kumaziko agcina abantu abadala abathe bafumana isipho samatikiti okubukela lo mnyhadala. Intombi kaNolusapho, uNombulelo Sixaba, ucacisa indlela eze ngawo la matikiti.

“Phaya eRaglan Road Multi Purpose Centre banikwe ithuba lokuba bakhe bazikhuphe beze kubukela lo mnyhadala wodumo. Ugcinwa phaya emini xa singekho endlini yena ke noogxa bakhe,” utshilo uNombulelo.

Umququzeleli walo mnyhadala, uTony Lankester, uthi asiyonto iqhelekileyo ukubona abantu abadala besiza kulo mnyhadala.

“Ikhe yenzeke kodwa inqabile kuba kunzima ukuhamba kubo, kufuneka umntu ehle enyuka apha, kodwa ke sinazo iindlela ezilungiselelwe bona bodwa ukuba bahambe ngaphandle kwengxaki,” uthethe oko uLankester.

“Ukuza apha kunceda ingqondo le ukuba ikhe iphume kwisiphithi-phithi saselokishini, uze kwesinye nje isiphithi-phithi esahlukileyo,” kutsho uSixaba.

Udibene neentatheli zephephandaba I’solezwe ngethuba egqiba kubukela intlombe, nalapho amaqela aquka Isingqi sikaNtu yaseWSU eMthatha, neNampris All in one Dancers yaseDutywa bebejijisana ngengoma eqongeni.

Lo mnyhadala uqale ngorhatya langoLwesithathu, nalapho iNkulumbuso yeli phondo uPhumullo Masualle ikunye nomphathiswa weMidlalo neNkcubeko uPemmy Majodina, bathe benza intetho ephambili.

Ingxelo ithi umasipala waseMakana kunye norhulumente wephondo bayaxhamla kwingeniso ethi yenziwe ngenxa yalo mnyhadala.

UTony Lankester ucacisa indlela lo mnyhadala unceda ngayo uluntu. “Zizithuba zomsebenzi eziphaya kumakhulu amane ezivulekayo rhoqo ngonyaka xa sithe saqala lo mnyhadala, zizithuba zethutyana kodwa noko uluntu luyaxhamla, namashishini ngokunjalo aye abone ukukhula kwingeniso yawo,” utshilo uLankester.

Le ngxelo yabaququzeleli balo mnyhadala ithi uncedo oluvela kwi-ofisi yenkulumbuso uPhumullo Masualle, luncede ukuba lo mnyhadala uqhubeke.

“Siphantse asakwazi ukuqhuba nomnyhadala kulo nyaka ngenxa yemali engonelanga, imali esidla ngokuyifumana kwiNational Lottery, asiyifumenanga kulo nyaka,” uqwele ngelo.