Ozimele geqe abazukuyishukumisa iANC

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi akanaxhala ngozimele geqe abangele unyulo lomasipala kweli leMpuma Koloni.

UMasualle uthethe oku nje emva kokuba ethe wafaka ivoti yakhe kwisikolo samabanga aphantsi iBeacon Hurst kwa wadi 28.

IMpuma Koloni inabagqatswa abangozimele geqe abangaphezu kwekhulu kwaye uninzi labo luphuma kumbutho we ANC.

Iziko lovoto evote kulo lenkulumbuso liqale phambi kwentsimbi yesibhozo ukuvulela abavoti ukuba bangene bevotela amaqela abo.

“Asinaxhala kuba siyayazi ukuba siwenzile umsebenzi wethu wokuqinisekisa ukuba iANC izakuphumelela kwiphondo lonke leMpuma Koloni, umsebenzi esiwenzileyo uyasingqinela,”uthethe watsho uMasualle.

La Wadi yenye yeWadi eziphantsi kolawulo lombutho weDA, kwaye inkulumbuso iyakhala ngenkonzo kulendawo.

UMasualle uthi akathandabuzi ukuba unqwenela utshintsho kulaWadi kuba azifumaneki inkonzo phantsi kombutho weDA.

“Azange khe ndibizelwe nasentlanganisweni eshukuxa ingxaki zalapha ekuhlaleni, zininzi izinto ezifuna ingqwalasela apha kodwa uceba walapha akazange athethe nathi,” utsho uMasualle.

Le nkulumbuso ithi kukho ingxaki zolaphulo mthetho kula Wadi kwaye nomgangatho wentlalo uyehla mihla yonke.

“Ndinqwenela ukuba uphume lombutho ophethe ngaphandle kwamathandabuzo lonto ndiqinisekile ukuba ingasenzela inguqu enokwenza ngcono ubomi babantu,” uthethe watsho uMasualle.

Ugqatso lushushu phakathi kombutho weDA kunye neANC kweli leMpuma Koloni ngoku kodwa kumasipala iNelson Mandela Bay.

Le nkulumbuso isebenzise elithuba ukugqxeka iziganeko zolaphulo mthetho ezithe zaphazamisa intsuku ezimbini zokuqala zokuvoto labucala eNtabankulu.

“Sidane kakhulu zingxelo zokuba kuphazamisekile ukuvota eNtabankulu,kwaye sizigxeka kangangoko ezi ziganeko zokuphazanyiswa konyulo,sithi umthetho mawudlale indima yawo,” utsho uMasualle.

Le nkokheli ayiphiki ukuba ingxaki abadibene nazo bengumbutho weANC zibaphazamisile kumalungiselelo onyulo.

“Sizisombulele ingxakana ebesinazo namalungu ethu,bakho ke abo bathe abaneliseka zizigqibo ezithile, kodwa siya kolu lonyulo siluqilima,” utshilo.