PAC: ‘Sithi iintshatsheli zengxoxo yomhlaba’

UMBUTHO oziteketisa njengamaAfrika Poqo, iPan Africanist Congress of Azania, uthi akukho mbutho unokuwuqethula esihlalweni sengxoxo malunga nomhlaba wabantu baseAfrika.

Oku kuthethwe nguSandla Goqwana, usihlalo wePAC eMpuma Koloni, ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokuba kubhengezwe iziphumo zovoto loomasipala.

Umbutho iPAC uqhube ngcono kwiziphumo zonyulo loomasipala, ukusuka kwizihlalo (PR seats) ezithathu kumabhunga oomasipala baseMpuma Koloni ngo2016 ukuza kwezilishumi abazifumene kweli phondo kolu lonyulo.

“Siqhube kakuhle kakhulu kolu lonyulo. Uyakukhumbula ukuba singene emva kwexesha kolu lonyulo ngenxa yomlo wangaphakathi embuthweni. Amaqabane angene kolu lonyulo sele kushiyeke iyure. Kukho oomasipala esingakwazanga ukungenela kubo, apho sicinga ukuba ngesenze ngcono kubo kunoku,” kutsho uGoqwana, esithi bachulumancile bengumbutho.

Phakathi kwezinye zezi zihlalo, sisihlalo esinye iPAC esifumene eNelson Mandela Bay kwakunye nezibini eMnquma.

“Kudala sixhalabile singumbutho ngokungazinzi kwebhunga laseNelson Mandela Bay. Njengokuba sifumene isihlalo phaya eNelson Mandela Bay, siza kuthabatha inxaxheba ukuze sizinzise la masipala.

“Sifuna ukufaka ingcingane kwabezopolitiko kula masipala ngelithi akukho malunga nokuba ngubani okhokela umasipala, koko kumalunga neenkonzo eziya eluntwini. “Okwakungabikho kozinzo kula masipala kuza kufuneka kufikelele esiphelweni. Asinakukwazi ukubukela abantu belambatha ngokweenkonzo ngenxa yemilo yabezopolitiko,” utshilo uGoqwana.

Iinkokheli nabalandeli bePAC phambi konyulo loomasipala UMFANEKISO: FACEBOOK

UGoqwana wenze umbulelo kubavoti ababonakalise ukuyithemba iPAC.

“Ewe ayondlela ebesinqwenela ngayo ukufumana iziphumo le, ingakumbi kumbutho omdala njengePAC, kodwa inkqubo yobunye esiyiqale ngo2018 iyaqala ukusizuzisa iziphumo. Kwixa elizayo siza kukwazi ukufumana iziphumo ezingcono.”

UGoqwana uthi “yiPAC kuphela umbutho onokukhulula abantu baseAfrika emakhamandeleni”.

“Asizange satshintsha kwipolitiki yethu ukusukela ngo1959, apho undoqo ingumbandela womhlaba. Namhlanje wonke umntu ufuna ukuthetha ngombandela womhlaba. Kodwa ke thina asixhalabanga kuba siyayazi ukuba akekho umntu onokuhlala ixesha elide kula ngxoxo yomhlaba,” utshilo uGoqwana.