Pakati: ‘Inga singangabajikeli abantu baseBCM’

USODOLOPHU waseBuffalo City, uXola Pakati, uthi abantu abonyule iinkokheli zabo zezopolitiko hayi ngokuba bezithanda, koko ngenxa yokuba bafuna ziphucule ubomi babo.

NgoLwesibini uPakati uthe wafungiswa ngokusesikweni ukuqala umsebenzi wakhe njengosodolophu ityeli lesibini. UPrincess Faku yena wonyulwe njengeSekela Sodolophu logama uHumphrey Maxegwana ethe wonyulwa njengoSomlomo.

Xola Pakati UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UPakati uthe: “Kucacile ukuba abantu baseBuffalo City banethemba kumbutho olawulayo, xa kujongwa ityeli elidlulileyo.”

“Inga singangasileli okanye sibajikele abantu baseBuffalo City. Asonyulwanga ngenxa yokuba abantu besithanda koko sonyulwe ngenxa yokuba abantu bakholelwa ukuba isixeko kwakunye nobomi babo bungaphukuca ngenxa yethu,” kutsho uPakati.

Ukanti yena uSixolisiwe Ntsasela wonyulwe njengoMbhexeshi webhunga likamasipala.

Ooceba abonyulwe kwikomiti kaSodolophu nguHelen Neale-May (kwiinkonzo zoshishino), Nozandile Mhlola (kwezezindlu), Graham Lottering (ezemidlalo nophuhliso loluntu), Mawethu Marata (uphuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni), Noma-Africa Maxongo (ucwangciso kwezophuhliso), Malibongwe Mfazwe (iinkonzo zeziseko), Sangweni Matwele (ezempilo nokhuseleko), Sakhumzi Caga (ezezimali) noAmanda Mnyute (iinkonzo zoluntu).