USodolophu waseBuffalo City uXola Pakati uthi ushishino olululo ngundoqo wokutsala abatyali-zimali kwesi sixeko ukuze kudaleke imisebenzi.
UPakati ukuthethe oku emva kwendibano namalungu equmrhu loosomashishini bale ndawo, iBorder-Kei Chamber of Business, ebibanjelwe kwiholo yesixeko ngoLwesine.
“Sifuna amashishini esi sixeko ahlale ekhona, futhi sisebenzisane nequmrhu loosomashishini (Border-Kei Chamber of Business) ukutsala abanye oosomashishini [ukuze baze] esixekweni.
“Singamaqabane enu [boosomashishini] ukuqiniseka ukuba uqoqosho luyakhula esixekweni. Ngumsebenzi omkhulu lo, ongenokwenziwa ngoosomashishini okanye umasipala kuphela, ufuna sibambisane sonke,” utshilo uPakati.
Oosomashishini abebezimase le ndibano bakwaxelelwe nangendibano ebiphakathi kwabakwaTransnet neBCM, apho ingqonyela yakwaTransnet uShulami Qalinge eveze izicwangciso zequmrhu lakhe ukuphuhlisa izibuko laseMonti.
Oosomashishini kule ndibano neBCM baveze ukuxhalaba kwabo yimeko yeendlela kwesi sixeko kuquka nemeko elimaxongo ngayo ibala iJan Smuts. Aba somashishini bakwathe baxhalabile ngumgangatho weepuli zokudada kwesi sixeko.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!