Pallo Jordan: UTambo yingcungela yenkcuba-buchopho

UMnu. Pallo Jordan ngethuba esenza isifundo ngo-OR. Tambo eMiriam Makeba eMonti Umfanekiso: I'solezwe lesiXhosa

 

Obesakuba nguMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uZwelidinga Pallo Jordan, utyibele igqala lomzabalazo uOliver Reginald Tambo esithi ngaphandle kwesi siswenye saseNkantolo eMbizana, uMzantsi Afrika ngowulambatha ngokwezopolitiko xa kunanamhla oku.

 

Lo kaJordan ebethetha ngoLwesine, kwisakhiwo iMiriam Makeba esiphantsi kweemfefe zeYunivesithi iFort Hare eMonti, ngethuba esenza intetho kwisifundo sesikhumbuzo ngobomi buka-OR Tambo.

 

UJordan uthi nangona nje iphiko lomkhosi leANC, Umkhonto weSizwe, lalisekwe nguNelson Mandela ngo1961, oyena mntu washiyeka ejongene neli phiko nguTambo buqu, emva kokuba ebanjiwe uMandela.

 

“UTambo wayeyinkcuba-buchopho ezikizisayo ukucinga oku. Wayenamacebo angaphaya okuqubisana norhulumente wengcinezelo, ekwenza oko ngokumamela iingcebiso zamanye amaqabane.

 

“Kodwa ke wayekwadalwe njengomntu olishica, imsebenzela lo nto, kuba wayenesikhokelo esiluqilima. UTambo wayengqwayi-ngqwayi ekunzima ukuyithelekisa nabanye abantu ngenxa yobuchule bakhe obungaphaya bokucwangcisa izinto,” utshilo uJordan.

 

UJordan uthi phantsi kolawulo lukaTambo, owayenguMongameli weANC ukusuka kunyaka ka1967 ukuya ku1991, kwakukho ukuvumelana ngezinto noxa nje kwakuye kujwilwe ngengxoxo phambi kokuba kwenzeke oko.

 

“Kwakukho imbeko phantsi kolawulo lwakhe futhi iqabane eliphuma ecaleni lalilulekwa,” utshilo okaJordan.

 

UTambo uzelwe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha ngo1917 ze wabhubhela eRhawutini ngo1993 eneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu. Ukuba ebesaphila ngeneminyaka elikhulu kulo nyaka. Urhulumente okhokelwa yiANC ubeke lo nyaka njengonyaka kaOliver Reginald Tambo.