Kudliwanondlebe neSABC, uSekela Mongameli weli nokwanguSekela Mongameli weANC, uPaul Mashatile, uthi ukulungele ukungena ezihlangwini zikaCyril Ramaphosa xa kuphela ixesha lakhe.
Oku kungenxa yokuba ixesha likaRamaphosa lifikelela esiphelweni nekulindeleke ukuba uSekela Mongameli wakhe angene ngokwesiko nesithethe seANC.
Iinkokheli namalungu weANC asebenza nzima ukuqinisekisa ukuba uMongameli ngamnye owonyulwe yinkomfa yalo mbutho uyaligqiba ixesha leminyaka elishumi ayimiselweyo.
“Kudala ndikulungele ukukhokela iANC xa esuka uMongameli uCyril Ramaphosa, ngoko ke akukho nto yothusayo malunga noko, sisithethe seANC eso,” kutsho uMashatile.
Isikhokelo sikaRamaphosa sifumene iingxaki ezininzi ukusukela oko ethe wakwazi ukususa uJacob Zuma njengoMongameli weANC. Ukunyuka kwezinga lentswelangqesho, ulwaphulo-mthetho, ubuqhophololo kwakunye nengxaki yombane ebangele ukuvalwa kwamashishini.
“Sikwiphulo lokuvuselela amasebe nokuqinisa umbutho weANC ngokutsha ukuze kubuye kwakho isidima sombutho weANC, sithenjwe, sithandwe njengaphambili,” kutsho uMashatile.
UMashatile ukhokele umbutho weANC kwiphondo laseGauteng phambi kokuba angene kwisikhokelo sikazwelonke. I-ANC eGauteng isengxakini yokwahlukana nenkxaso ngokumandla ujijiswa yimibutho ephikisayo.
Lo kaMashatile uziphikile izityholo zokuba usapho lwakhe luxhamla kwiinkqubo zokushishina namaSebe kaRhulumente.
“Kusapho lam lonke, akakho umntu ophila ngokufumana amathuba oshishino kuRhulumente, unyana wam kwakunye nomkhwenyana wam bayazizamela kushishino, abananto yokwenza noRhulumente,” utshilo uMashatile.
Isikhokelo sikaMashatile kulindeleke ukuba size nenguqu ezakukhulisa iANC kuquka nokubuyisa ithemba kulo mbutho. I-ANC ilahlekelwe yinkxaso ecacileyo eGauteng, KZN naseNtshona Koloni.
Emva konyulo lukaCanzibe walo nyaka, iinkokheli zombutho weANC zixakeke kukuzama ukuvala amazibuko okushiywa ziinkokheli namalungu.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10