‘Phantsi ngebheyile kwesi sidlwengu!’

Baqhankqalaze ngaphandle kweNkundla kaMantyi eCumakala oomama bekhaba lamanina kwiANC, apho umtyholwa obe dlwengula abantwana ebevela enkundleni

Atsho ngazwinye ebetha idolo phezulu amanina aphuma eCumakala ekhokelwa ngumbutho ojongene nokulwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana iKusile Women Empowerment, esithi makangayinikwa ibheyile usomashishini otyholwa ngokudlwengula abantwana.

Bebephambi kweNkundla kaMantyi ngethuba kuvela indoda enamashumi amathandathu eminyaka (60) ubudala ekuvakala ukuba idlwengule intwazana eneshumi elinanye (11) leminyaka ubudala.

Umrhanelwa ngumnikazi wendawo ethengisa utywala kwilokishi yakwaMlungisi eCumakala. Ingxelo iqhuba ithi eli ayiloxhoba lokuqala, amanye amaxhoba sele ede anabantwana kumrhanelwa, nangona nje angazange avulwe loo matyala.

Umrhanelwa uqale ngokuthuthisa ixhoba amakhoba otywala, esithi malicoce kwindlu ekuselelwa kuyo. Lakugqiba ukucoca, umrhanelwa utyholwa ngokuvala ucango, wayalela ixhoba ukuba malikhulule ipenti yodwa. Kutyholwa ngelithi uye walifunqula, emva koko walidlwengula.

UMsunguli wombutho ozimeleyo wamanina iKusile Women Empowerment uNomfuneko Salaze, uthi ngokuphatha uxwebhu lwezikhalazo kukuba bafuna isililo sabo sivakale kuba imbi into eyenziwe kwixhoba.

“Bafike kum emsebenzini ngomhla wokuqala kule nyanga behamba nomakhulu wexhoba nanjengoko lingasenaye umama. Bandixelela ngengxaki eyehle emntwaneni, wabe umntwana engakwazi nokuzihlalela kakuhle ngenxa yomonzakalo. Sibone ukuba le into masiyiphakamele kuba ngamanyukunyezi, kwaye nomntwana akakwazi ukuzilwela. Sifuna ukuba abolele apha ejele, azi ukuba ayihlekelwa into ayenzileyo,” utshilo uSalaze.

USalaze uthi ziliqela iziganeko ezenziwe ngumtyholwa zokudlwengula abantwana, apho ade wabanabantwana kubo. Uthi lawo amatyala zange achazwe ngaphambili.