Bangaphi na abantu obaziyo abohlukana noondofanaye babo ngenxa yokuziphakamisa nokuzidla? Bangaphi obaziyo abasele bengenazihlobo ngenxa yalo mkhwa? Bangaphi abantu abaxolele ukufela entluphekweni kunokuba bazithobe?
Sonke sinaye umntu esimaziyo ophulukene nolonwabo lwakhe ngenxa yokuba ezidla, kwaye eziphakamisile. Phambi kokuba namhlanje sikhe sincokole ngalo mba, masikhe sikhangele intsingiselo yala magama mabini:
Ukuziphakamisa nokuzidla. Intsingiselo yokuziphakamisa kukuba neengcinga zokuba wena ubalulekile kwaye ungcono nangaphezu kwezinto zonke. Ukuzidla kona kukuzazi nokukokosa isidima sakho ngaphezu kwezinto zonke.
Kukho igama elilula kodwa lilula lilifutshane linjalo liyabanzimela abantu abaninzi. Eli gama lithi, uxolo. Kuba nzima kubantu abaninzi ukucela uxolo ngoku umntu emoshile kwaye ebhaqiwe.
Umntu axolele ukuphulukana nako konke akusebenzele nzima ngenxa yokuba impakamo nokuzidla kwakhe kungamvumeli ukuba acele uxolo.
Siyibona le meko ubukhulu becala kubantu ababini abathandanayo, apho athi omnye amoshe omnye kodwa kube nzima ukuba azithobe acele uxolo.
Sonke sinaso isibini esisaziyo esohlukanayo kwade kwaphela nothando olo ngento encinci ebinokulungiswa kukucela uxolo kuphela. Usuke ungayazi nokuba lifufunyana na eli lenza umntu kube nzima ukuba acele uxolo.
Baluthotho abantu abangasavaniyo neentsapho zabo ngenxa yale mpakamo nokukuzidla ndini.
Abazalanayo bajike babeziintshaba kuba akukho namnye kubo ufuna ukuzithoba acele uxolo kuqala. Iminyaka iqengqeleke abanye bade bayokutshona engcwabeni oko bebambene ngentliziyo yolunya nentiyo.
Kutheni kulula ukuvela uzihlambe izandla zakho ngabazalana nawe kunokuba uzithobe? Yazi amaxesha amaninzi ngenxa yokuba ufuna uthando noxolo ebomini bakho uye uzithobe ucele uxolo nokuba ayinguwe omoshileyo.
Bambalwa kakhulu abantu abazuzayo kukuba nempakamo nokuzidla okugqithisileyo. Uninzi lwethu luyaphulukana nezinto kunye nabantu bexabiso nesibathandayo ngenxa yalomkhwa.
Umzekelo, intombi eziphakamisileyo nezidla kakhulu ayiye ihanjelwe ngabafana kuba besoyika ukuphoxwa nokunyeliswa yiyo. Uyibone iguga loonzwakazi ingumahambayedwa kuba kaloku inokuzicingela okuninzi.
Omnye umbone esifa yindlala kuba engakwazi ukuzithoba kule meko yakhe acele uncedo. Usana olungakhaliyo lufela embelekweni.
Sukuvumela ukuzidla nokuphakama kwakho kukuthintele ekuceleni uncedo kubanye abantu. Khumbula isiXhosa sithi, umntu ngumntu ngabantu.
Kukho icala esithanda ukuliphosa ke xa sithetha ngalo mba wempakamo nokuzidla, eli lokuxolela. Xa woniwe ngulo mntu aze azokuzithoba kuwe acele uxolo uye ulwamkele na? Okanye uye umbhebhethe okomshologu?
Kukuziphakamisa nokuzidla okukukhokelela kukungabaxoleli abo bacela uxolo kuwe. Ewe ndiyayiqonda ukuba umenzi uyalibala kunomenziwa, kodwa khona ukuze wothule umthwalo emagxeni akho xolela.
Singabantu sizizitya zomdongwe, ithi lo nto asigqibelelanga sineentanda nokuqhekeka okuthile. Mophulele omnye umntu ngohlobo nawe onga ungaphulelwa ngalo xa wonile.
Akukhonto ikuphilisa kamnandi emhlabeni ingathi kukuyazi ukuba unoxolo naye wonke umntu.
Nditsho nempilo yakho iyayeka ukuba nkenenkene ngokuba intliziyo yakho iphumlile ekugcineni izinto ezingakhiyo neziyityhefu. Ukubamba umntu entliziyweni, nokungaxolisi xa umoshile ziyakwazi ukuyisonga impilo yomntu ibe mfutshane.
Zithobe, akukhonto izakuqhezuka kuwe xa usenza njalo.
Sukuzingca ngaphezu komlinganiselo, uyakuphoswa lulonwabo oluninzi ebomini bakho.
Ukuba umonile umntu omthandayo, cela uxolo msinya. Nawe ukuba woniwe ngomntu okuthandayo, xolela kwamsinya. Kulo nyaka ka2017 sisamphuthaphuthayo masizondelele ukuba siphile ubomi bokonwaba nokonwabisana.
Phantsi ngempakamo nokuzidla, phantsi!
– isibhalo@inl.co.za
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV