Abafundi baxakeke ziimviwo zaphakathi enyakeni ngeli xesha lonyaka. Ibhodi ejongene notywala eMpuma Koloni (ECLB) ibongoze uluntu, abazali nezikolo ukuba bathintele imibhiyozo yokuhlanjwa kwephepha nanjengoko kusondele ixesha lokuphela kweemviwo zabo.
Ezi ntlobo zeendibano ziye zafumana ukuthandwa njengendlela yokubhiyozela ukuphela kwexesha leemviwo, kodwa zikhokelele kwiziphumo ezibi njengokusela kwabantwana abaselula. Isihelegu sethaveni yase-Enyobeni, apho kubhubhe abantu abatsha abangama21 ngethuba kubhiyozelwa ukuqukunjelwa kweemviwo zabo, ngumzekelo obalaseleyo weziphumo ezibi.
Nangona kunjalo, iECLB ithi iyabakhathaza into yokufumanisa ukuba abanye abafundi sele beqalisile ukwenza amalungiselelo okuququzelela iindibano zokuhlanjwa kwephepha njengoko iimviwo zikaJuni ziya kuphela kwiiveki ezimbini. “I-ECLB iyigxeka kabukhali le ndlela yokuziphatha ngamazwi aqatha kwaye ibongoza abafundi ukuba bawuyeke lo mkhwa.
“Nanjengoko kuqhutywa iimviwo kwiphondo liphela, ngelishwa lixesha apho abafundi beqalisa ukwenza izicwangciso zeendibano zokuhlanjwa kwephepha eziphawulwa ikakhulu kukusela utywala ngokugqithisileyo,” utshilo othethela le bhodi uPumlani Fani.
Le bhodi icebise abazali ukuba balumke kakhulu ngeli xesha kwaye babeke iliso kwiintshukumo zabantwana babo. Bakwakhuphe isilumkiso esiqatha kubo bonke abarhwebi botywala ukuba bangabinazo ezi ndibano zokuhlanjwa kwephepha kumaziko abo, kuba oku kukwaphula imiqathango yokurhweba kunye nesenzo solwaphulomthetho.
“Iinqununu zazo zonke izikolo maziwubethelele umyalezo othi “No to Pens’ Down” (“Hayi kwiindibano zokuhlamba kwephepha”). Sikwabongoza noonozakuzaku bethu nabanye abafundi abanoxanduva ukuba balumke ngaphakathi nangaphandle kwesikolo kwaye baxele kubaphathi bezikolo ngazo naziphi na izenzo ezirhanelekayo ezenziwa ngoogxa babo,” itshilo ibhodi kwingxelo.
I-ECLB ikhuphe isilumkiso sokuba baya kuthatha amanyathelo ayimfuneko kunye naqatha kuwo nawuphi na umthengisi wotywala ohlulekayo ukuthobela oku.
Abantu bayacelwa ukuba baqhagamshelane nenombolo yasimahla ye-ECLB ethi 0800 000 420 okanye bathumele umyalezo kaWhatsApp ku-076 4036 223 ukuze bachaze abarhwebi botywala abanenjongo yokuququzelela iindibano zokuhlanjwa kwephepha kunye nabo banikezela ngotywala kubantwana abaselula.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile